#LOCALisLEKKER- Zithini iinkqubo ezintsha zeSABC 3?

KUDALA sizibuza ukuba ingaba iSABC 3 izakwenza njani xa ligaleleka ixesha lika-80% leenkqubo ezididiyelwe apha ekhaya.

Namhlanje sizakutyhilela ukuba ungalindela ntoni kwinyanga yeKhala/Julayi kwiSABC 3.

QAPHELA! Lungakhona utshintsho kwezi nkqubo, kodwa singasemoyeni.

.IINKQUBO ZENCOKO: Emini nasebusuku

Zintathu iinkqubo ezintsha zencoko ezingena kweli jelo likamabonakude:

NgoMvulo, 4 kweyeKhala ngo14h00 sizakubona inkqubo ebizwa Tween Talk.

. Eyesibini, iqala ngomhla we-4 kweyeKhala ngo22h00. Izakusasazwa phakathi koMvulo noLwesine, ize impinda yayo ibe- ngenj’ ixukuxa ngo-04h30.

Inkqubo yesithathu ibizwa iReal Talk, kwaye ngunobangela wokuba uDays of Our Lives adliwe lizembe.

Iqala ngoMvulo, umhla we-21 kweyeKhala kwindawo kaAfternoon Express, ukuze kwindawo kaDays kungene iAfternoon Express ngo17h00.

Akukaziwa ukuba ezi nkqubo zizakuqhutywa ngubani.

.HIGH ROLLERS- ufumene ukongezelwa usasazo lweentsuku ezimbini ngeveki, oku kuthetha ukuba izakusasazwa kahlanu ngeveki, ukusuka ngoMvulo we-4 kweyeKhala.

Isidingo sizakuhlala ngo19h00, aze uBold and the Beautiful ahlale ngo18h00.

I-Omnibus yeHigh Rollers iyaqala ngoMgqibelo ukususela ngentsimbi yokuqala emva kwemini, ukususela ngowe-9 kweyeKhala, ize iDurban July isasazwe kuMgqibelo ophambi kwalowo.

.THE AMAZING RACE iyashenxa nanjengoko kungena iDivas of Jozi. Akukaziwa inkqubo leyo ingantoni. TOP CHEF SA, Inkqubo yokupheka eqala ngoLwesibini, umhla we-12 kweyeKhala ngo20h00. SOCIAL REUNION- Iqala ngoMgqibelo, umhla we-16 kweyeKhala ngo17h00.

.THE SOBER COMPANION-

Iqala ngoMvulo umhla we-4 kweyeKhala ngo21h00 emva koDivas of Jozi. iTV SA icingela ukuba ngumdlalo wamaqhula okanye iDrama.

.JOU MA SE CHEF- Inkqubo entsha yeAfrikaans engokupheka eqala ngoLwesihlanu, 8 kweyeKhala ngo21h00.

Ngo-22h30 – rhoqo ngeli xesha ebusuku kunomculo weli nowangaphandle weenkqubo eziquka iCSI, Dr 90210 and Top Gear.