Lulonwabo lodwa eMthatha

ULONWABO luzakube lujuliwe eMthatha kule mpela veki komdala nakomncinci ngethuba kubanjwe umnyhadala obizwa ngokuba yiCharity Golf Day and Concert, eMthatha Country Club.

Ngokokutsho komququzeleli walo msitho uBongiwe Gana, kusasa ngomso ukusukela ngentsimbi yesixhenxe kuzakube kudlalwa igalufa eCountry Club lo gama bona abantwana bazakube bezonwabisa kwiJumping Castle.

Kukhona nokhuphiswano kwanamabhaso ze ukutshona kwelanga kubenekonsathi ukusukela ngentsimbi yesithandathu (6) ngorhatya kuze kuse, apho kulindeleke abacula iHip Hop, Kwaito, nabenza imibongo.

UBetusile Mcinga, imvumi yomculo wokholo, uPastor Nozewu woMhlobo Wenene FM, uPK, Bushy Dubazana kwakunye nabanye ooDJ basekuhlaleni bazakube bekhuphisana eqongeni batsho kuze kuse.

“Oku ziinzame zokuqokelela imali yabantwana abahlala kumakhaya agcina abantwana bahlelekileyo. Sifuna nabo bazive bethandwa, kwaye bemkelekile besemakhayeni ashushu,” utshilo uGana.

Amatikiti yiR30 lo gama iyiR100 kwiVIP. Ngeenkcukacha, tsalela ku073 358 5758/ 082 497 1722.