Masihleke noManono

Akazange abuye namali ,oko wemkayo akazange abuyelekhaaaya oko wayeye kwi SONA. Ndisadinwe nanamhlanje bantase ndidinga nje ukufakw’emanzin’ ashushu anentelezi nekhala ukuze umzimba uthi saaaa siyijuxuzile ke wethu into kula palamente yaseKapa ngolwesine olugqithileyo andinamona! Bekungemnandi sana ubungafung’uthi sitshatisa umongameli kwinkosikazi yakhe yeshumi vha?

Besilityile ke wethu ilaphu singosomandwangu base Thekwini sifake utata wethu umntwana kaphindangene uMangosuthu ndim ke na lo obemenzele elagqathi libomvu lasentloko asenziwa njalo kaloku thina kwaZulu usibuze pha kuMagwaza-Msibi. Ndithi mtase bezithe ntii iindlebe osikhwazayo sisithi asiiikuuuuuzwaaaaaa yayiva kengoku? Ndithi mtakaTrump ibinkulu into kulapalamente kulonyaka bekuye nonoMvula ka Nathi ebonakala ke noko kodwa ke yena ukuba uvuke masimini heyi ibikhona nje into engaqondakaliyo kobabuso balaNomvula ibide yakhatshwa nalivunjana mtaka somnci ndancama ndayohlala emva ko Mbethe no Modise.

He wethu ndikonwabele nyhani ukuba sendlini enye noNdlozi noDishman ezanqokonqoko zombovu vha? Bendingasancumi xa kuthetha uNdlozi kanga ngoba bendingamva naxa ethetha bendimgqibela ngelaxesha ephakama emva koko zimk’ingqondo zibuye xa sele esehla yhu undibulele Ndlozi mntwana bantu kulapalamente! Kanga ngokuba bendisuke ndarhalela ukuba zeza zigora zingosisi zonogada ebezikutyethe egxeni xa nikhutshwa.

Andibanga saqhubeleka ke ne palamente bantase ukukhutshwa kwezithandwa zethu ezibomvu pha ndithathe ezam ndayibetha ebhekeGugulethu kwa Mzura sana bendifuna okunefutshana nomthoba thuli oluya beliqhuma pha kulapalamente bekunzima kuPirates pha mtakasisi.

Ndothuke ndaaafa! xa ndifika kukho esinye isigqeba sasepalamente kwapha babe besithi ooThoko nooPammy Majodz “Hayi sisi siqonde nje asizukwazi ukumelana nalapotsoyi yalandlu sakugqiba kutya ilaphu kanje,saqonda nje masizozenzela elethu iTheko apha kwaMzoli” ucinga ndike ndabuza ukuba kugalelwemalini kweloTheko? Hayi mtakaGwede, ndiz’bethe ncaa phakathi kulondlwana yabaphathiswa ndafenqeza phezukwetafile ngebhotile yecastlelite ndabamnandi yho kuseKapa pha!