#NAF: Imbali ngokumka kobutyebi kwabantsundu

Wakhe wayiva phi indoda engenamqolo? Ethi yakurhaliswa ngobutyebi nobunewunewu behlabathi isuke ngokwenene ilukuhleke lula, ithi phithi-ncithi oku ngathi ingenwe libhungane endlebeni?

Indoda ethi yakukrotyiswa kwisikroba sobomi engabuqhelanga, isuke ichithe konke ebinako ikuncame.

Kumdlalo weqonga othi Ngqawuse (The death of a nation), uJongilanga uzifumana efulathele konke, ezilibele, de alibale nosapho lwakhe kuba efuna ubutyebi.

Oku kuqala xa eva ilizwi lenkosikazi emlukuhlayo, ngathi iyaprofeta.

Izinto zonakala xa elizweni labo kufika abantu abanwele ziyephuyephu nolusu olukhanyayo angazange wababona ngaphambili, befika bephethe imali ezingqekembe kwakunye nencwadi emlom’ ubomvu, kwaye bethetha nolwimi olungaziwayo.

Izinto ziyatshintsha akube uJongilanga esothuswa kukuna kwemali esuka esibhakabhakeni. Ngeli thuba wayengasafuni kuphaluphula nalo nkosikazi yakhe nakakade uLimise, uthando nemfudumalo sele iyeyezolo ekhaya, kaloku iindlebe zikaJongilanga zazivalekile kukunyoluka.

“Iintlanti zenu zakuvuka, kwakuna imvula phezu kweentlanti zenu, kuya kuba luhlaza esibhakabhakeni, izindlu zenu zakuba ntsha, kwakuvuka abalele ukuthula, nakuhamba phezu kwegolide, tshisa konke Jongilanga!” la ngamanye wamazwi amenze uJongilanga watshintsha, ezibona esisityebi sabumini.

Kwelinye icala, siva uLimise ecenga umyeni wakhe uJongilanga, ekwamcela ukuba abuyise ingqiqo kuba sele beyintlekisa, kwanesidima sabo singamaqhekeza eluntwini, kodwa uJongilanga uzivalile ezakhe iindlebe kuba efuna ubutyebi.

Umdlalo weqonga omtsha odidiyelwe yi2021 Standard Bank Young Artist for Theatre, uThando Doni, othi Ngqawuse, ukhangele izigqibo zexesha eladlulayo nokokuba ingaba ezo zigqibo zasichaphazela njani.

Eli bali lilanda imbali ngoMprofetikazi wamaXhosa, uNongqawuse , nemibono yakhe yenza ukuba abantu batshabalalise iinkomo ngo1856/7.

Ibali lomAfrika ontsundu lincasaniswe kamnandi ngomculo opholileyo wesintu, uthando lwababini, umxhentso nomdaniso.

Ibali likaNgqawuse lelothando nokuncama, intswelo nentsokolo, kwanokuzibuza imibuzo yokuba sisele nantonina, kwaye singathini ngezivubeko zethu zamandulo.

Ekugqibeleni, uJongilanga uzibona sele esebenza kanzima, engumpha ochutywe walahlwa.

Lo mdlalo udlalwa ngusaziwayo wemidlalo yeqonga nomabonakude uMbulelo Grootboom, uChuma Sopotela, Indalo Stofile, Busisiwe Damane kwakunye noAnelisa Xapa. Olawula imbonakalo yeqonga nguBamanye Yeko aze olawula umculo ibe nguAnelisa Xapa.

UDoni, obhale lo mdlalo wafunda eMedia and Arts Access Centre (AMAC) naseMagnet Theatre. Udlale kwimiboniso equka iTrojan Horse Story, Inxeba Lomphilisi, Proximity, Loss and Having, #JustMen noVoices Made Night. Ngumdlali olawulwa yinkampani iBonfire Theatre.

UDoni waphumelela iBest Director ngomsebenzi wakhe othi Mhla Salamana ngo2012. Ngo2013 watyunjelwa kwiRosalie van der Gught kwiimbasa iFleur du Cap Theatre Awards. Waphinda wachongwa kwiTyala Lamawele noUbuze Bam eBroadway Worlds Award ngo2016, waze ngo2017 wazuza iFresh Creative Award eCape Town Fringe Festival.