#NAF: Intlungu ngokuxhatshazwa kwabantwana

UMBONISO weqonga ovangwe sisiqhazolo kodwa ube ubeka elubala intlungu yokubiwa kwabantwana eMzantsi Afrika, bethengiswa okanye babulawe, ushiye uninzi luchiphichiphiza kwiHolo leSixeko saseMakhanda.

Lo mdlalo othi Bhuti is the Beast, uvula amehlo ngokuxhatshazwa kwabantwana kwiindawo esihlala kuzo, benukunezwa ngabo babaziyo nababathembayo.

Iindaba zendoda egqugqisayo ekuhlaleni ebizwa iBeast zikhawuleza zithi ndi ekuhlaleni. Abazali nabantwana abasexhaleni babiza intlanganiso nosodolophu wesixeko, ekubonakalayo ukuba unkone bubuqhophololo nokunyoluka kwaye nekucaca phandle ukuba akanalo kwaxesha lakuphulaphula isikhalo sabahlali, kwelinye icala ngoongantweni bamapolisa, abefundisi bobuxoki kuquka namagqirha omgunyathi nabashiya kungekho mpendulo nechiza lale nkohlakalo.

Bakumashumi amahlanu abantwana belokishi yaseWalmer eGqeberha abebemane betshintsha iimpahla kwiziqendu ezininzi zeli bali, bezama ukuzoba umfanekiso nobunkenenkene bemeko yokubiwa kwabantwana.

Italente yokucula, ukudanisa nokulinganisa kwaba bantwana ishiye wonke ubani eqhwaba izandla.

Eli bali lingentsomi yemoto eba abantwana libhalwe laze laphononongwa nguXabiso Zweni okhulele kule lokishi yaseWalmer.

Kunyaka ophelileyo uZweni, ebeze nomdlalo othi So What Sarafina kulo Mnyhadala wezoBugcisa ekwasebenzisa abantwana bakhe beMasifunde Academy.

IMasifunde iqeqesha abantwana abangaphaya kwama200 eGqeberha kwizakhono ezokuhlekeneyo zobugcisa.

Emculweni nguSivuyile Scott Msizi, kwezomdaniso nguSibabalwe Ngewu, encediswa nguManoah Sonwabo noBanele Njadayi kwicala lempahla yeqonga.