#NAF16: Izandi zomngqungqo kumnyhadala wobugcisa eRhini

ABANTU abazilungiselela ukujolis’ imibombo ngaseRhini ukuze babeyinxalenye yomNyhadala wezobuGcisa kaZwelonke (Grahamstown Arts Festival), mabalindele ulonwabo olungazange labonwa.

Iimvumi zomculo womNgqungqo ezivela kumazwe alishumi elinesibini kulindeleke ukuba zitsholoze kwiqonga lalo nyaka leStandard Bank Jazz Festival, nezakuqhuba eRhini njengenxalenye yeNational Arts Festival.

Ukususela ngomhla we-30 kweyeSilimela/ Juni ukuya kowe-9 kweyeKhala/ Julayi, amagqala alapha ekhaya azakudibana noosozimbasa kunye neemvumi ezidumileyo kumculo weJazz.

Olu luhlu lubotshiweyo luquka, amagama abo baphumelela imbasa yeGrammy uTrio Corrente waseBrazil; umbethi weSaksofoni waseNorway uPetter Wettre; imvumi yaseAustria, umqambi kunye nomvutheli wexilongo uMichaela Rabitsch; kunye nombethi siginci uRobert Pawlick.

Aba bazakudibana noCaiphus Semenya, uSimphiwe Dana, iAfrika Mkhize Big Band, Swing City kunye noRingo Madlingozi. Umbethi wepiyano kumculo weJazz uAfrika Mkhize, uzakube enika imbeko kwigqala lomngqungqo elingasekhoyo uBheki Mseleku.

UMkhize uphefumle wenjenje ngoku: “UBheki zange anikwe ntlonipho eyiyo ngaphambili kwilizwe lakhe, kwaye siyavuya ukuba sizakube sisenza ikhonsathi enkulu yokuhlonipha umsebenzi wakhe nomqela awushiyileyo. Amagama asematsha ndawonye netalente eselula nayo izakube ikweli qela.”

Uluhlu luquka umbethi weseksofoni uDave O’ Higgins wase-UK, umbethi wexilongo uEddie Lewis kunye nombethi wohlobo oluthile lwexilongo (trombonist) waseSwitzerland uAndreas Tschopp, ndawonye neemvumi zeli loMzantsi Afrika, phakathi kwazo kukho iStandard Bank Young Artist yeJazz ka2016 uSiya Makuzeni ekuvumeni ngomlomo.

OyiNtloko yenkxaso kwiqela laseStandard Bank, uHazel Chimhandamba akawuvali umlomo ngoluhlu lwalo nyaka. “Sonwabe ngeyona ndlela luluhlu lonyaka ka2016, neliqulethe iimvumi eziphezulu ezingaphaya kwekhulu.

“Sivuyiswa nayinto yokuba lo mnyhadala uqhubekeka nokutsala abathandi bomculo weJazz kwilizwe jikelele, ngokunjalo nakuba sisixhobo sokukhulisa iimvumi ezincinane zeJazz eMzantsi Afrika.”

OkwiBass nomqambi woMzantsi Afrika uCarlo Mombelli uzakudibana noTschopp kwiqela eliquka ezinye zeemvumi ezimbini zaseSwitzerland, uFlorian Egli (wesaksofoni) noFlorian Favre (kwipiyano), ngokunjalo nombethi wamagubu weli uSphelele Mazibuko.