Nca i40 kuMafa Bavuma!

UKUTSHINTSHA indlela yokuziphatha kwanokuzikhwebula kwezinye izinto, yindlela uMafa Bavuma afuna ukungena ngayo kumgangatho wesine wobomi bakhe (4th floor).

UMafa ubhiyozela iminyaka engama40 walibonayo ilanga kule nyanga.

Wazalelwa kwisibhedlele iSettlers Hospital eMakhanda ngowe27 kuTshazimpuzi ka1982.

Lo msasazi woMhlobo Wenene FM uthi kufike ithuba lokuba ahambele kude kubagxeki, koko azisondeze kwabo baza kumakha.

“Kukho okuza kutshintsha ngokwendlela yokuziphatha, nokuzinxwema kwezinye izinto bendikade ndizenza ngaphambili. Kwaye ke xa uzinxwema kwezinye izinto ngamanye amaxesha kuthi kuchaphazele nabanye abantu obukade uhamba nabo endleleni, kungekuba unxweme bona kodwa unxweme kwezo ndlela zokuziphatha. Andiyazi nokuba ndiyavakala na?” kutsho lo msasazi, ekwafile yintsini.

Wongeze ngelithi “Iminyaka endingena kuyo ngoku yiminyaka yokuba ukhusele isidima sakho, uxolo lwakho, intliziyo nengqondo yakho. Ungqalise amehlo akho ekuzakheni, ucwezele kude kumagqugula abagxeki, uzoyamanise nabantu abaza kwakha. Wazi ukuba ngoku okwenzayo akwenzeli wena, injongo kukwakha ikhaya lakho, ulungiselela ikamva labantwana bakho nesizukulwana sakho,” kutsho eli gqibelo kubantwana abasibhozo.

Le nzalelwane yaseAlicedale ithi kuninzi ekufezekisileyo nenokubalula kule minyaka ingama40 yokudl’ amazimba, kuquka incwadi yakhe ethi Born For This .

“Phakathi kwazo ndibhale incwadi ngobom bam, ndakwazi ukongeza isidanga seeHonours kwimfundo yam enomsila, ukuba ndibe lilungu kwibhodi elawula kwiMuseum iNelson Mandela nokwakha igama lam eluntwini, phakathi kwezinye. Ndikwazile ukuzicela umngeni nakwiinkalo ebendikade ndizoyikisela kuzo, ndasusa idyudyu ebendikade ndinayo, ndatyhala ngesifuba kumaxa amaninzi.

“Kukho intetho ethi ‘ngokuya bendingumntwana bendisenza izinto njengomntwana, ndathi ndakuba yindoda ndaqala ukwenza izinto zobudoda’. Ukufunda kwiziphene neempazamo endizenzileyo kule minyaka yobutsha bam. Ndingathi nditshintsha igiya ngoku ebomini, ndingena kwelinye ibakala lobom,” kutsho lo msasazi waziwa ngokonwabisa abaphulaphuli beBEE yoMhlobo Wenene.

UMafa ubhiyozela usuku lokuzalwa ngosuku lokukhumbula umhla wenkululeko yoMzantsi Afrika.

Uthi yena ufuna ukukhululeka kwingqumbo, ikratshi nenqala, koko abe nentliziyo exolelayo nakwabo bamngcikivileyo kwixa langaphambili.

“Kuba kaloku akukho nto ikhulula umphefumlo njengentliziyo exolelayo nengenanqala. Wakohlukana nezi zinto uThixo namanyange bayakuvulela iindlela zakho, kuthi qwenge kukhanye,” kutsho lo tata wabantwana babini.

Uthi kuninzi asafuna ukufezekisa ebomini bakhe.

“Kweli bakala ndikulo ndinqwenela ukongeza, ndakhe umqela oya kunceda abantwana bam xa sele ndingekho. Oko kuthetha ukuba ndiza kuqinisa ekwakheni iinkampani zam, iCulo Communications neMafa Bavuma Foundation, lixesha lokuba izingqi zazo zivakale.”

UMafa ukhethe ukubhiyozela usuku lwakhe kulo nyaka esidlangalaleni.

Abantu baye bathenga amatikiti okuzixuba naye ngolu suku lukhulu lwama27 kuTshazimpuzi.

“Le yona iza kuba nesidima, ingabanye babaphulaphuli abathe bazibekela indawo ukuba baza kubhiyoza nam. Kwaye ndithe ndamema nabantu abathe badlala indima enkulu ekundixhaseni apha ekukhuleni kwam, oontanga bam endikhula nabo, abantu endithe ndadibana nabo emsebenzini, ekuhlaleni, kwanabo ndisebenzisene nabo ngokoshishino phakathi kwabanye.”

Le mibhiyozo iza kuqhutyelwa eMy Pond Hotel ePort Alfred. Eqongeni kukho uBetusile Mcinga, uDumza Maswana, uBulelani Koyo, uSlyso Saliso, uSinbad Sizani, uTsepiso Nzayo noEdgar Muzah.

Osafuna ukuzibekela indawo angatsalela uTshepiso Tladi kwinombolo engu: 073 128 5959.

UMafa nguntondo kaMamNgqosini ongasekhoyo noTshawe Bavuma.