Nceda usindise indlu kaZahara!

UKUQALA kwale veki ibiyiR60 000 ebisele iqokelelwe kwiR350 000 edingwa nguZahara Mkutukana yokusindisa indlu yakhe exuthwayo yibhanka.

Le mvumikazi inikwe de ibe ngumhla we8 kweyeKhala 2022 ukuze ibhatale ityala eliyiR350 000 edingekayo ukuze kube nokusindiswa le ndlu yayo eseRoodepoort eGoli.

Encokola noSlujah Bunu wenkqubo iLunchtime Shandis kwiTruFM ekuqaleni kwale veki, uZahara uthe ngenyanga yeKhala indlu yakhe iza kufakwa kwintengiso yasesidlangalaleni [auction] xa esohlulwa kukubhatala le mali ifunekayo.

Ubongoze abaphulaphuli ngelithi mabafake oko banako nokuba yiR100 kwi-akhawunti yakhe yebhanka ukuze abe nokukwazi ukufikelela kwiR350 000 phambi kwalo mhla wokugqibela.

UZahara uthi wayezazi ngokuya wayethenga indlu yakhe uza kukwazi ukuyibhatala.

“Ndandizazi ukuba ndiyasebenza, ndiza kubanakho ukumelana netyala!,” utshilo.

UZahara utyhole uDJ Sbu noTK Nciza beTS Records njengabatya iimali zakhe.

“Abantu bakukhumbula ukuba kudala ndisilwa neTS Records ngeemali zam ukususela ngo2017. Ngabo abandivalayo, beqinisekisa ukuba andisebenzi, umculo wam awudlalwa nakoonomathotholo,” kutsho uZahara kule nkqubo kanomathotholo.

Uthi besele ephila ngemali yeeroyalties.

Le mvumi, eyaduma ngengoma ethi Loliwe ngo2011, ithi ngo2018 ibiman’ ukuyokucula kwilizwe laseCanada, apho ibicela khona inkongozelo.

“Bendibuyele apho ndaqala khona, bendiye ndicele abantu ukuba babethe loo mali banayo bayibeke phambi kwam ukuze ndibaculele.”

UZahara uthi zonke iingoma ezikumacwecwe akhe zimnandi, bekufanele zonke zimenzele imali.

Ucenge iMpuma Koloni ngelithi mayimvulele ibala lezemidlalo, imfunele izixhobo zomculo noonogada ukuze enze oko adume ngako.

Ngomhla wesine kweyeSilimela uza kube eseMzini Lounge eBhatisi ngaseCawa, ngelixa ngowe16 eza kube ecula ePitoli.

Abantu abafuna ukuncedisa kule R290 000 ishotayo bangafaka oko banako kule akhawunti kaFNB: 62327901741.