Ndlela-ntle Masebotsana!

UMasebotsana sele emkile na? Zingqinile iindaba zokumka kukaMasebotsana kumdlalo ka-SABC2 uMuvhango.

Akukudala, * ’solezwe lesiXhosa lisamkela uLerato Kganyago kulo mdlalo uyintandane kumabonakude, kodwa ngoku kubonakala ngathi sele eqokelele imithwalana yakhe ephuma ngomnyango.

Lo saziwayo kumabonakude nonomathotholo ushiya abalandeli bakhe benyembezana xa bekubonakala ngoLwesihlanu ukuba uKganyago ngokwenene uyawushiya uMuvhango, kwaye akabuyi.

UKganyago uthi ukuwufulathela kwakhe lo mdlalo kukuzinika ixesha eloneleyo losapho lwakhe nezinye izinto. Akukabikho zwi lokuba le nzwakazi iyakubuya kwakho ngenye imini kulo mdlalo kwisini na.

Ukanti bekusandul’ukuvela iingxelo zokuba uKganyago lo, ekunye noPearl Thusi bazokungena ezihlangwini zikaBonang Matheba njengabasasazi benkqubo entsha kamabonakude wamazwe.

UKganyago ususe uQueen B njengomsasazi omtsha wenkqubo ethi “Moments South Africa”, neyinxenye yenkqubo yencoko yaseNigeria ethi “Moments with Mo.”

Le nkqubo iza kuboniswa kumabonakude i-Ebony Life TV jikelele kumazwe akwilizwekazi le-Afrika afana neNigeria, iGhana kunye neKenya.