Ngamagqibela-kankqoyi weZama and the Voices eMonti

I-ORIENT Theatre eMonti, sele ikulungele ukusindleka amagqibela-kankqoyi (Grand Finale) ee-auditions ze-Zama and the Voice Ministries.

Ukususela ngenyanga yoMqungu, eli qela lomculo wegospile belithe bhazalala kwimimandla eliqela equka iMonti neQonce, likhangela amalungu amatsha anokungena kulo.

Phantsi komxholo obusithi: “Unearthing Talent, Changing Lives’’, iZama and the Voices ngenyanga yoMqungu/Janyuwari ifumene iTop 77, nethe yaphunguka yaze yayiTop 30 ngeyoMdumba/Feb.

Aba bangamashumi amathathu (Top 30) phakathi kwenyanga yoKwindla/ Matshi nekaCanzibe/Meyi baye bahlala kwinkampu ibintsuku-ntathu.

“Kule nkampu besizilolonga, sikhangelana apho sinamandla nalapho sisilela khona,” utshilo uZama Ntshona ongumsunguli weZama and the Voice Ministries.

Ngethuba encokola neli phephandaba, uNtshona uvakalise ukuba ezi nyanga zintlanu zidlulileyo bezihamba nochulumanco.

“Ibiluhambo olonwabisayo. Besisebenza nabantu abazimiseleyo, nangona benezinto ezibaxakekisayo nje ebomini babo, kodwa bebehlala bethatha inxaxheba usuku nosuku,” utsho uNtshona.

Zonke ezi nzame, zezokukhangela oompondo zihlanjiwe abazokungena kwiqela iZama and the Voice Ministries.

Ikhwelo leli qela lokukhangela italente, lisatyelwe ngabo bakoomasipala abafana neMakana, Amahlathi, Nkonkobe, Lukhanji, Mnquma kunye neBuffalo City Metro. 2 kweyeKhala/ Julayi 2016 ngoMgqibelo, eOrient Theatre, kulapho azakube eqhubekeka khona amagqibela-kankqoyi. UPearl Sonjica (owayekhona kwiClash of the Choirs) kunye noThokozani Fakade (owaphumelela kwiBOM), ngokunjalo noHope Ntshona (ongusozimbasa weZama and The Voices) bazakube betsholoza kweli qonga.

Umcimbi uyaqala ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa. Amatikiti afumaneka eMusic Mix, eGood News Music, eVees Video (eQonce) nasemnyango nge- R100 kuphela. Amasango ayavulwa ngentsimbi yesithandathu. Ungaphoswa!