Ngenela uMiss Commonwealth kule mpelaveki!

UNgawethu ka-Siphiwo inzwakazi yasePort St Johns, kwilali iLujecweni, nenamashumi amabini anesithoba (29) ubudala. Uzibalule ngokuthi angenele koonobuhle jikelele, nathe waphumelela ngokuwongwa njengo Miss Commonwealth South Africa 2014/15.

Ukwangumseki, weZingce Foundation, eqeqesha iphuhlise abantwana abasakhulayo, abanqwenela ukuba ngoonobuhle .

UNgawethu, ujikeleza kwiphondo leMpuma Koloni, kunye neqela labaququzeleli nabaseki baka Miss Commonwealth kuquka uTulile Gege, Siphosethu Ncapayi nabanye, ekhangela unobuhle omtsha kaMiss Commonwealth South Africa 2016.

Kule mpela veki, olu khuphiswano loonoobuhle luzakube lubanjwe ngoLwesihlanu we-6 kaCanzibe/ Meyi e-BT Ngebs Mall eMthatha, ukuqala ngecala emva kwentsimbi yesibini NgoMgqibelo izakube ibanjelwe eOh Brigado eBeacon Bay, eMonti, ukuqala ngecala emva kwentsimbi yokuqala emalanga.

Abaphumeleleyo kolu gqatso baza kumela iphondo Ekurhuleni eRhawutini kuOkthobha.

Eli cham livuleleke kumanina aneminyaka ekuma-20 ukuya kuma- 32, abaphumelele ibanga leshumi nangaphezulu.

UNgawethu uxhobise uluntu ingakumbi ulutsha ngelithi, “Ndiyakholwa ukuba wonke umntu unesakhono nesiphiwo axhotyiswe ngaso nguThixo, okulindelekileyo kukubanomonde kwaye uzinikele kuko konke okwenzayo,” utshilo.

Ukuqhagamshelana noNgawethu nabaququzeleli bakaMiss Commonwealth South Africa. Ndwendwela kwikhasi labo lika Facebook “Miss Commonwealth South Africa” okanye uNgawethu ku Kasiphiwo@gmail.com

“Eyona nto indonwabisayo nendiphilisayo ebomini kukuvuka ndisazi ukuba ndinobomi endibuphathisiweyo nekufuneka ndibuphilile ukunceda abanye abantu, ndibengcono nangakumbi kunento ebendiyiyo izolo,” utshilo uNgawethu.