UMDLALO kamabonakude iRhythm City uphantsi phezulu ugqogqa ubuso obutsha obuzakudlala kulo mdlalo.
Ukungeniswa kwee-audition kuvulwe ngoMvulo (11 April) de kube sekupheleni kweveki. Lo mdlalo ukhangela nabani na ozakudlala indima kaNomalanga, igqiyazana elithetha ulwimi lwesiZulu oluphakathi kweminyaka engama- 21 nama-30 ubudala.
UNomalanga sisithandwa sikaZolani (Melusi Mbele), nentombi yegqala lomzabalazo nosomashishini wemigodi waKwazulu Natal.
.Ngubani onokungenela?
Nawuphina umntu olaziyo olu lwimi, okuleminyaka ifunwayo nesini esifunwayo ngokunjalo.
.Uhlobo lokungenela? Ii-audition zenziwa emnatheni (online).
Ungangenela ngokulandela la manyathelo: – Zifumanele (download) umbhalo wee-audition kwaye uzilungiselele ukungenela.
Ungawufumana umbhalo wokungenela apha (script): Nomalanga audition scenes
( Iqulethe imimiselo nemigaqo ezantsi ).
.Zifote udlala oko ukunikwe kwi-script eso usebenzisa ifowuni yakho okanye nasiphina isixhobo sokushicilela ,
.Xhoma i-clip kwi-akhawunti yakho ye-YouTube,
.Gcwalisa ifomu yokungenela kumnatha wee-audition uze wabelane nge-link yakho ye-YouTube. Apha uzakufumana ilink ekusa kumnatha wee-audition nalapho uyakufumana uxwebhu lokungenela: www.rcauditions.co.za
Omawukwazi koku: Ungenza enye yezi ndima zintathu ezikwi- audition script. Abo bakwi-Top 12 bayokuchongelwa i-call-back kumagumbi eRhythm City aseRhawutini kwiveki yesithathu kaTshazimpuzi.
Abo balishumi elinambini bayokwaziswa ngoLwesine, umhla wa 21 kuApreli 2016 kwaye kwakunyanzeleka ukuba benjenjeya ukusingisa eRhawutini ngoMvulo wama-25th kuEprili 2016. Imali yakho yokugoduka nendawo yokuhlala iyakubhatalwa yiRhythm City ne- etv. Isibhengezo sophume phambili sakwenziwa ngenjikalanga yangoMvulo, wama25 kuEprili 2016.
Ubani lowo ophumeleleyo uyakuqala ukufota indima yakhe ngoLwesithathu umhla we- 4 kuMeyi.
Usuku lokugqibela lokufaka amangenelo: Kusezinzulwini zobusuku bangoLwesihlanu umhla we-15 kuEpreli.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!