Ngumfundisi uKhaya

Akayomvumi kuphela, kodwa imvumi eyaphumelela kwi-Idol SA uKhaya Mthethwa, wongeze igama lika-”Mfundisi” kwimpumelelo yakhe.

Iphepha-ndaba iDaily Sun lidize ukuba uMthethwa ubuyele ekhaya kwaye ngoku ngu-Mfundisi wase-Oasis Church ezinze eMlazi, eThekwini.

UKhaya Mthethwa uxelele eli phepha-ndaba ukuba :“Abantu abandaziyo bayakuxelela ukuba eli oko yabaluhambo lwam kuleminyaka ilishumi elinesibhozo eyadlulayo.

Ndiziva ndithobekile ukuba ndinikwe ithuba lokukhokhela uluntu. Utata wam undilungiselele lo mcimbi kule minyaka elishumi edlulileyo.

Ngoku lixesha elilungileyo lokuba yonke into yenzeke.”

Le mvumi iminyaka ingamashumi amathathu (30) kubikwa ukuba yenza izifundo zayo zee-Masters in Theology eSouth African Theological Seminary.