#NonzwakaziDayimani: Ngubani kanye kanye?

Ayingomntu uthile uNonzwakazi Dayimani, koko ligama lomlinganiswa owenzelwe abalandeli bakaFacebook.

Olu lulwazi oludizwe ngomnye wamalungu ekhasi likaFacebook elibizwa ‘’Nonzwakazi Dayimani’’ ngethuba encokola noBuck Matyila kunye AJ Blie kwinkqubo yakhe iReal Deal kwiTruFM.

Ucacise esithi, ‘’uNonzwakazi’’ uthetha ngemiba ethande ukuthatyathwa njengendaba yakwamkhozi ixesha elininzi ngabantu, imiba efana nesondo, amabhinqa anamaqabane amaninzi, imingeni yezentlalo njalo-njalo.

UNonzwakazi Dayimani unabalandeli abakuma-250 000 kwikhasi likaFacebook.

Uthi eli khasi lineenyanga ezine kuphela liqhuba, nanjengoko liqalwe ngenyanga kaMatshi walo nyaka.

Uthi baqala ngokwenza imifanekiso yevidiyo nababeyifaka kumakhasi wonxibelelwano, nto leyo bayibona ukuba mabayise kwelinye inyathelo.

“Iyamangaza yona indlela esithandwe ngayo, kuba saqala ngokwenza iziqhulo ezihlekisayo ngaphandle kokuzithathela ingqalelo, sathi sakubona abantu bayazithanda sagqiba kwelokwenza ikhasi likaFacebook,” utshilo.

Uthi baligqiza elimalungu mahlanu eliquka uSisa, uNongcebo, uKhaya, uMandisi kunye noKhwezi, nto leyo ethi bangabafana namagqiyazana.

UNonzwakazi uthi banezicwangciso zokwakha igama likaNonzwakazi nangaphezulu, nalapho abantu baseza kubona izikipa ezinombhalo uNonzwakazi Dayimani #Mabande.