Ntshoo amehlo kwinkqubo kaDJ Tira!

UMVELISI ophambili womculo ophumelele iimbasa waseThekwini, uMthokozisi Khathi, odume kakhulu ngelika DJ Tira, uzakube eveza elinye icala lenkampani yakhe yoshicilelo lomculo, i-Afrotainment , iimvumi zayo kunye nosapho lwakhe ngokunjalo xa kuqala isizini yokuqala yenkqubo ‘Eza se Afro’.

Amehlo ababukeli athe ntshoo kwiMzansi Magic ngoLwesine we-14 kuJanuwari 2016, xa kuqala le nkqubo iziqendu zilishumi elinesine.

Isizini yokuqala ilandela uDJ Tira negqiza lakhe xa bematasa-tasa neziyolo zabo zokonwabisa uluntu ngaphandle nangaphakthi eThekwini.

Kodwa ayiyoyomculo kuphela, ethetha nephephandaba iThe New Age kutsha nje, uDJ Tira uthi: “Inkqubo le izakujonga ukuba uxanduva lwam lwenkampani yoshicilelo ngokunjalo nokuba ngutata, ndimelana njani nalo,” utshilo.

Zimbini iimvumi ezigcine i-Afrotainment ivutha kunyaka ka2015, uNaakMusiQ kunye no-Joocy, naba zakukhupha iiprojekthi zabo ezigcweleyo kulo nyaka.

“Sichulumance kakhulu kukukhutshwa kwemisebenzi yalo nyaka, kodwa ngaphandle koku, iinjongo zam kukufumana italente entsha kwaye ndinikeze ngamathuba kubantwana abaphuma kwiindawo ezihlelelekileyo,” utshilo uDJ Tira.