NWELEZELANGA-The Star Child: Ingantoni le ncwadi?

Kwakukho isinyanya esifuna ukuzalwa, sizokugqithisa umyalezo kubantu abaphilayo abasemhlabeni.

Kweliny’ icala kukho umama ongafumani bantwana uNokwakha, owenyukayo waya entabeni eyokuthandaza kuQamata ukuba afumane abantwana.

Ukuzalwa kwalo mntwana, kwakusaziwa ziingwevu ekuhlaleni, kodwa iyinto efihlakeleyo emabalini abaliswayo. Abantu abasebenza ngobumnyama okanye abathakathi, nabo babesazi ukuba kukho umntwana onje ozayo, befuna ukuyinqanda loo nto, kuba besazi uzokuthini. Basebenzisana nomama oncedisa ukubelekisa abo bakhulelweyo, ngelithi umntwana omhlophe ngokugqithisileyo (albino) uyabulawa kuba sisiqalekiso.

Uthe akuzalwa umntwana, wazalwa eyi-Albino. Umama ongumbelekisi waxelela umama womntwana ukuba, ukuzala umntwana okwesi simo sisiqalekiso. Baye bavumelana ukuba bamphose emanzini, benjenjalo ngokwenene, bajika emva kwesi senzo bagoduka.

Kwelinye icala ngezantsi kwalo mlambo kwakukho mama uthile, owayeyokuthandaza, ethandazela imvula, wayesele eneentsuku ezisithoba ezilile, engafaki kutya emlonyeni, efuna izityalo zakhe zifumane imvula.

Iye yanetha imvula, wadibana nomntwana lowo edada kuloo manzi, wamthabatha wagoduka naye.

Uqala apho umdla webali elibizwa ‘’Nwelezelanga-The Star Child’’. Ipapashwe ngabakwa Jacana Media, kwaye sele isunguliwe kwiidolophu ezifana neTlokwe kunye neRhawuti. Elinye icala kule ncwadi, libonisa uNwelezelanga ephila kolwa sapho lumchole lwamkhulisa, kwelinye icala sibonisa okuqhubeke kumama owazala umntwana nalowo wayembelekisa.

Ngokunjalo sive okuzakuqhubeka xa kudibana ezi ntsapho zimbini, icala lomama owabeleka umntwana, nelo lalowo wakhulisa umntwana. Leyo yincwadi ebhalwe sisandla sika-Unathi Magubeni equlethe izahluko ezingama-20.

Xa simbuza ngengcamango yeli bali uthe: “Kunzima ukutsho lisuka phi, ndingathi sisiphiwo. Eli libali belifuna ukubaliswa, lelexesha elo siphila kulo. Lisuka kubantu abangaphezulu kum okanye izinyanya,” utshilo.

UMagubeni uzalelwe eN.U.2 eMdantsane nalapho enze khona amabanga aphantsi naphezulu. Wenze izifundo zeManagement Technology kwiYunivesithi yaseCape Peninsula Technology.

Ebalisa ngothando lwakhe lokubhala, uMagubeni uthe: “Ndaqala ngexesha lokubhalelana iileta, ndaze ndangena ekubhaleni imibongo neyayiman’ukupapashwa.” Imisebenzi kaMagubeni yemibhalo yemibongo sithetha nje ikumathala amaninzi kweli jikelele.

UMagubeni, nokwaligqirha, uthi ukubhala kwakuyinto emkhathazayo, neyayimtshisa ixesha elininzi. Incwadi yakhe yokuqala yango-2010 nguShades of Black, nathi ayizange iqhube kakuhle. Incwadi ebhalwe ngo2015 uNwelezelanga-The Star Child akhange kube lula ukuyipapasha. “Azange ndityhafe ukulwela ukuba mayipapashwe nangona kwakunzinyana nje.”

UMagubeni ukholelwa ekubeni abantu bangayitolika ngeendlela zabo ezohlukeneyo le ncwadi. UNwelezelanga usungulwe ngomhla we-28 kuTshazimpuzi 2016, kwaye iyafumaneka kwiivenkile ezithengisa iincwadi.

Incwadi ifumaneka ngolwimi lwesiNgesi, ecacisa ngoku: “UChinua Achebe wathi, ‘yasibona esi siNgesi basifundisa sona, sakwenza izinto ezingazange zabonwa ngaso, sakubalisa amabali angazange abaliswe ngaso.” Uthi ababhali abaziingcali zolwimi lwesiXhosa bamkelekile ukuyiguqulela esiXhoseni.

Abo bafuna uku-odola le ncwadi, bangathumela imbalelwano ye-email ku: sales@jacana.co.za