“NINGA ningalala nombethe ingubo yothando, uxolo nemvisiswano, ndinithanda nonk’ emakhaya!”
La ngamazwi aziwa nanguthathatha obebukel’ iindaba zesiXhosa kumabonakude woMzantsi Afrika kule minyaka ingama37.
Kodwa ngoLwesibini, umhla wama30 kweyoKwindla 2021, uluntu luza kube luthe nqwadalala, lukhangele kumabonakude, xa uMam’ uNoxolo Grootboom esitsho okokugqibela la mazwi awazakhel’ igama ngawo.
Eli gqala leendaba zesiXhosa kwiSABC1, liza kube lifunda iindaba okokugqibela phambi kokuthabatha umhlalaphantsi.
UMam’ uNoxolo, nanjengoko ebizwa njalo nazintsan’ ebezinqwenel’ ukufana naye, waqal’ ukufund’ iindaba kwiSABC1 ngeminyaka yoo1980.
Ngaphandle kokunambitheka kolwimi lwesiXhosa okanye indlela ebehlal’ ebukeka ngayo kumabonakude, uza kukhunjulwa ngosasazo olungenantanga ingakumbi kwiziganeko ezashiy’ imbali kuMzantsi Afrika nakwamany’ amazwe.
Lo makhwekhwetha womsasazi, wasasaz’ umngcwabo wenkokeli yeSACP uChris Hani, owagetyengwa ngaphandle kwekhaya lakhe eliseBoksburg eRhawutini.
UMam’ uNoxolo, wayengummelwane kaHani eBoksburg, kwaye waba ngumntu wokuqala ukugaleleka kweli khaya ngomhla wesehlo.
Akaphelelang’ apho, usasaze imingcwabo yabany’ oosopolitiki abafana noSteve Tshwete, uGovan Mbeki, uWalter Sisulu, uNelson Mandela noWinnie Madikizela-Mandela.
Elo lizwi lakhe lithi ndiphulaphule, belithenjiwe kwiziganeko zolonwabo, zokukhuthaza, intuthuzelo kwanezokubhiyozel’ubomi.
“Eli qumrhu losasazo (SABC) liyakungqina ngokwenene ukuba uNksk. Noxolo Grootboom uza kube evalelisa kubabukeli beSABC1 ngoLwesibini, umhla we30 kweyoKwindla 2021, nanjengoko ethabath’ umhlalaphantsi, emva kwesakhono besiqaqambile kulo Msasazeli woLuntu, ” kutsho uMmoni Seapolelo onguMlomo weSABC, encokolela I’solezwe lesiXhosa.
UMam’ uNoxolo ufulathela iSABC sele enguMhleli weeNdaba zesiXhosa.
Oogxa bakaMam’ uNoxolo, bambi kubo, abafike bancanca amava kulo makadenetha womsasazi weendaba, baphose amazwi ngokusebenza naye.
“Xa ndibala iintsikelelo zam, ndibala naye. Ibilithamsanqa nentsikelelo ukusebenza naye. Bendingubani, waphi ukunikwa elo thuba? UMama wethu woXolo. Iminyaka esibhozo yokusebenza nawe Ma’m, ibiyiminyaka engcono ebomini bam,” kutyatyadula umfundi weendaba zesiXhosa kwiSABC 1, uLisakhanya Pepe, othi waqala ukubukela uMam’ uNoxolo ngo1992, eminyaka isixhenxe ubudala, efunda uGrade 2.
“Mamfene, akekho ofana nawe!” kubhala uPepe.
UMzantsi Afrika utyibele esi sikhukukazi ngemiyalezo emnandi kumaqonga onxibelelwano.
Ingaba wena uza kumkhumbula ngantoni uMam’ uNoxolo?
Ababezenza amapolisa baphanga usapho, baqhotsa batya inyama yabo!