OkuMiss SA Plus Size ufunde ukuzithanda nokuzithemba ngesiqu sakhe

UNgwekazi Aphiwe Makaba (31) wombutho ozimeleyo ojongana nokunceda abantwana abaphuma kumakhaya ahlelelekileyo iNam Foundation, uphakathi kwamagqiyazana alishumi elinesithandathu angenele ukhuphiswano lukaMiss SA Plus Size World.

UMakaba, oyinzalelwane yaseNdakana kwilali yaseNcorha eNgqamakwe uthi unezizathu eziliqela ezambangela ukuba aziwe namhlanje njengoNam Foundation. Uthi into engangexesha elide ukhule esoloko engumntu ogxeka umzimba wakhe omkhulu, uthi de wabe uphoswa ngamathuba amaninzi ekukhuleni kuba ecinga akakho mhle nakrelekrele ngokwaneleyo.

Okunye okumbangela angenele uMakaba uthi kukuba ufuna ukuba lilizwi kwabo bangenalizwi kwanokwenza umzekelo kwabo baphuma kwiindawo ezihlelelekileyo abacinga zezabantu abathile. Uthi okunye kukuba linina elinenjongo nelinokukhokela.

“Laphela ixesha apho ukuze ube umhle uxelelwa ekuhlaleni kwaye woyike nezigxeko zasekuhlaleni. Ndifuna ukubonisa kwanokufundisa abantu abatsha ekubeni bazithembe kwaye baziqhelanise nento yokuzixelela ngobuhle babo.

Ndifuna bazifundise ukwamkela, bazithande, bazikhathalele bayithande nemizimba yabo nokuba injani,” utshilo uMakaba.

Eli gqiyazana lithi lizibona njengelo lisikelelekileyo njengoko uhambo lwalo lube sisifundo kolu khuphiswano.

“Ndichukumisa iimpilo zabaninzi. Ndifunde lukhulu kwaye ndasebenza nzima.”

UMakaba ixesha lakhe elininzi uqhubekeka nokuphuhlisa abantwana nalapho aye abaxhase ngezihlangu zesikolo, iiphedzi kwanokubancedisa kulwazi kwabo bafuna ukufaka izicelo kwiiyunivesithi.

INam Foundation iseza kuqhubeka itshintsha iimpilo zabantu ingakumbi abantwana, uqhube watsho uMakaba.

Uthi kukhuphiswano lukaMiss SA Plus World kuninzi abakufundiswayo okufana nokuzifuna uzazi, ukufundiswa ngokukhokela, ukuxhasana kwanokuninzi.

Ukhuphiswano luza kuba ngomhla wesibini (2) kwinyanga ezayo eyeDwarha, eCivic Theatre eBloemfontein.