Omawukulindele kumdlalo iDoubt ngokuhlwanje!

NANJENGOKO siyazi ukuba uKhanya Mkangisa uzakube edlala indima kaLindiwe, umakoti kwidrama entsha yeMzansi Magic-iDoubt, kodwa ngoobani abanye abakulo mdlalo?

Masijonge ezinye iimbuso ozakuzibona ngokuhlwanje uMvulo (11 Tshazimpuzi) ngo20h30 kwiMzansi Magic. Aba baquka uYonda Thomas odlala uSanele, ongumyeni kaLindiwe, ozibona ebanjwa ngelixa ezimanya.

USanele utyholwa ngokubulala umdanisi wendawo yentselo (stripper) kwitheko lakhe elandulela umtshato (bachelor party), kwaye inkosikazi yakhe uLindiwe, ayifuni kukholelwa ukuba umyeni wakhe unetyala. Kwibali eli sibona uSanele ezama ukubonisa ukuba umsulwa-nanjengoko sibona ubungqina busiwa ngakuye.

ULucia Mthiyane udlala unina kaLindiwe, uThembisile. UAmanda Quwe udlala unina kaSanele-uGrace. UGlen Gabela nguyise kaSanele-uJudge Jacob. USiyabonga Shibe ngumcuphi wamapolisa-uCaptain Dube. UMpolokeng Chabane unguLerato oyintatheli.

USiyabonga Radebe nguMlungisi, ubhuti kaSanele. UNambitha Ben-Mazwi abe ngu-Unathi, udade boSanele. UKhaya Mthembu abenguVuyo, igqwetha elimele uSanele.