OodadeboZahara bakhuphe icwecwe!

MKUTUKANA Sisters, Oodade abathathu abacula umculo wegospile. Mhlawumbi komnye umntu ifani yakwaMkutukana uyakuyiqhelela kwimvumikazi yasePhumlani, uZahara.

UZahara yintombi encinane kwesi sithathu ndithetha ngaso esinguBandezwa, uNomonde kunye noLumka abazibiza iMkutukana Sisters.

Ukungena kukaZahara emculweni nokufumana kwakhe udumo, akuthethi ukuba sasingekho isingqi sengoma kusapho lwakhe, oku kuvezwe yiMkutukana Sisters ngethuba incokolela ne-I’solezwe lesiXhosa ngobhaza-bhaza wabo omtsha wegospile.

IMkutukana Sisters zithi, kudala zabakho kwiqonga lomculo, udade wabo (Zahara) esemncinane. “Sikhule sicula, sicula ekwayaleni yasecaweni nalapho udade wethu uZahara waye wangena kwikwayala leyo yecawa,” bathethe batsho.

IMkutukana Sisters yakhe yazama ukushicilela icwecwe ngeminyaka yee-90s eBhisho, kodwa zange liphumelele. Ngaphambili babezibiza iBorn Again Sisters.

“Saye sabona ukuba masizibize iMkutukana Sisters kuba saqaphela ukuba le nto yalo mculo yivangeli kwiMkutukana Sisters, sagqiba kwelokuba sizibize olo hlobo,” batshilo.

Ngethuba uZahara egqama, evela esithatheni ngonyaka ka2011, babephi oodade wabo? “Besihamba naye ela xesha, simxhasa, kodwa wayengasaculi igospile ngoku, sabona sele ecula umculo we-AfroSoul.

IMkutukana Sisters ithi, omnye wabo (Lumka) waya esikolweni eBloemfontein, ngelo xesha wasishiya isiginci awayesithengelwe ngutata wabo, kukulo nyaka apho uZahara wafunda ukubetha eso siginci, nanjengoko kwakungekho mali yokuba angene kwimfundo enomsila.

“Wayetyiwa sisithukuthezi uZahara kula nyaka, wafunda ukudlala isiginci endlini. Kunyaka olandelayo, waya esikolweni uZahara ehamba nesiginci eso.

La magqiyazana athi othuka uZahara akulandela umculo we-AfroSoul. “Kanti sothuka akukhetha ukutshintsha, kodwa sawuthanda umculo lowo kuba awubhekelanga kakhulu kwigospile nendlela awubhala ngayo,” utshilo.

Bathi soze batshintshe ekuculeni igospile ngokuba bakholelwa ukuba luhlobo lomculo olutshintsha izimilo. IMkutukana Sisters iza- iphethe icwecwe layo elithi “EBenezer

Usigcinile”. “Luhlobo esibona sigcinwe ngalo nguBawo emva kwezinto ezibuhlungu ezisehleleyo, kuquka ukushiywa ngumntakwethu phakathi kwazo,” batsho.

Eli cwecwe lineengoma ezilishumi elinesibini ezifana no-Hallelujah Amen, Ebenezer Usigcinile, Great Is Your Name (feat Zahara), Asilwi thina nabantu, Yaweh is your name (feat.Zahara) nezinye. Eli cwecwe lishicelwe eCut ‘* Edit Studios eRhawutini, nalapho uZahara edlale indima njengomvelisi walo.

Esi sithathu sithi sesifundile kudade wabo ngobunzima obuza neqonga lomculo. Bathi bekubanzima kubo kuqala xa befunda iindaba ezimbi ngodade wabo kumaphephandaba.

Icwecwe leMkutukana Sisters liyafumaneka kwiivenkile zomculo ngexabiso le-R70.

Eli qela linezicwangciso zokutyelela eKapa naseRhawutini kungekudala.