OPW: Silindele ntoni kule veki?

U-Anele Mdoda, ozakube engena njengomsasazi ondwendweleyo kwi-Our Perfect Wedding ngeCawe, ujolise imibombo eThokoza kumazantsi weRhawuti, nalapho uFarirai Murombedzi (28) noKimton Marumirofa’s (41) bazakube bezimanya ngeqhina lomtshato.

Esi sibini sizinzalelwane zaseZimbabwe, sadityaniswa ngumhlobo waso, kwangoko, savana. Ekuqaleni, uFarirai wayexhalabile kukushiyana ngokweminyaka phakathi kwabo, kodwa waphinda wabuya wabona ukuba oku kungahle kubasebenzele.

“Ndamthanda ndiqala ukumbona. Ndathanda indlela awayezithobe ngayo. Akathethi kakhulu,” unezonkumbulo uKimton.

Indlela esingise ekuzimanyeni kwababini ayizange ingabi namingeni, nanjengoko uFarirai kufuneka aziqhelanise nokufumanisa ukuba uKimton unomntwana anaye awamfumana kubudlelwane awayekubo ngaphambili.

Ingaba oku kuzasichaphazela njani esi sibini? Khona yintoni emenze uFarirai abulwele ubudlelwane babo?

Ungaphoswa yi-Our Perfect Wedding ngeCawe kwiMzansi Magic (DStv 161, 7pm) ukuze uzibonele uhambo olusingise kwiqonga lokuzimanya phakathi kwesi sibini.