Osindisiweyo unyemba onomshologu, wachukumisa usiba lombhali

Kwakungo2008 esenza uGrade 10 ngethuba kuvakala iindaba zokubhubha kwemvumikazi yoMzantsi Afrika uMiriam Makeba. Wathi akuva ezi ndaba zothusa umzi wonke, wabhala umbongo othi ‘On The Death Mama Afrika’ – ekhumbula, ekwahlonipha eli gqalakazi lomculo.

Utitshalakazi wakhe esikolweni, uMam’ uNoluthando Magodla, akube ebone lo mbongo, waqaphela isiphiwo sokubhala kuTyutulo.

Le titshalakazi yawusa kwiphephandaba lo mbongo, ukususela ngoko uTyutulo akazange aphinde ajonge emva.

Xa kunamhlanje, le nzalelwane yaseCacadu ngumbhali ophum’ izandla.

Sel’ ebhale iincwadi ezingaphaya kwamashumi amathathu, ezinye zazo ezisalindele ukupapashwa.

Kutsha nje uTyutulo, 30, upapashe incwadi yakhe ethi ‘UNtombethongo – Ukugula Awuzikhetheli’ – eyipapasha esebenzisa inkampani yakhe yopapasho iNkuthalo Media.

Edlan’ iindlebe neli phephandaba, uthi uyibhale emva kokuba waba nencoko nomntu owayebhidwe yinj’ ukuvuthwa emzini wakhe.

“Ndiyibhale emva kokuba ndaye ndancokola nomnye utata onguBhishophu, esithi akayazi into emehlelayo emzini wakhe.

“Kuloo ncoko sasinayo wabalisa into yokuba intombi yakhe inomshologu, kwaye yena usindisiwe. Wabe ebubuyigxeka imeko yamagqirha, esithi ngamadimoni. Ndichukunyiswe lelo bali ke, ndabhala le noveli.

“Inoveli kaNtombethongo kum ithetha ukuba kufike ixesha lokuba zonke iinkolo esithi zezaseAfrika zixatyiswe. Kungabikho nkolo isisithuko kwenye,” utshilo.

Enye incwadi kaTyutulo ithi Gweba Mgwebi, esithi iziganeko zoxhatshazo olusekelezelwe kwisini (GBV) zibe ngunobangela wale ncwadi.

“Kule ncwadi ithi Gweba Mgwebi ndichukunyiswe yimpathogadalala eyenziwa ngamadoda kumanina negqubayo kulo Mzantsi Afrika. Kuyo ndibalisa ibali lendoda eyayingafumani bantwana, kodwa kowayo kuthukwa inkosikazi yayo, kusithiwa lidlolo. Yaye yakrexeza ke inkosikazi, yade yafumana abantwana ababini.

“Abo bantwana baye baziwa ukuba ngabakabani na. Loo ndoda yaye yaya kuzihlola kubantu besiNtu, kwacaca ukuba yiyo ingxaki. Kulapho yaye yaphatha gadalala inkosikazi yayo nemigqakhwe yakhe,” kubalisa lo mbhali.

“Yathi ngokonela inkosikazi yayo yalwa, yade yayibulala indoda. Kulapho yabanjwayo inkosikazi. Kwaye isitsho ukuba imbulele umyeni wayo ngezandla zayo, ngoko ke makagwebe uMgwebi.

UTyutulo uthi iincwadi zakhe uzibhala ngesiXhosa kuphela.

“Injongo kukuvuselela isiXhosa esiya sitshabalala kuthi maXhosa. Kodwa kwinkampani yam ndizipapasha zonke iilwimi ezikhoyo eMzantsi Afrika,” kutsho uTyutulo.

Uthi ubhala zonke iindidi zamabali, kuquka inoveli, imidlalo, amabali amafutshane, izincoko nemibongo.

UTyutulo uthi inkampani yakhe ipapasha phantse zonke iilwimi zoMzantsi Afrika. Uthi ngoku ubhala inoveli nombhali oseSoweto eRhawutini ethi Iziphumo Zemfihlo.

“Ikhona neyezincoko esendleleni endiqokelele ababhali abasakhulayo nabantwana bezikolo kuyo.”

“Eyona njongo yale nkampani kukusondeza iinkonzo ebezibonakala ziyinqaba kuba kusithiwa iinkampani zopapasho zezabamhlophe. Babe besithi abantu iinkampani zopapasho ezininzi zinamaxabiso axhumileyo. Ndathi ngokwenza uphando, ndabona ukuba ndingazisondeza ebantwini ezi nkonzo zopapasho ngaphandle kokuba kubekho amaxabiso axhumileyo, ” kutsho uTyutulo ozinze eKapa.

Ezi ncwadi zifumaneka eClarke’s Bookshop, eLong Street eKapa, naseThe Book Lounge eBuitenkant Street, kwaseKapa. Ungakhangela noNkuthalo David Tyutulo kuFacebook.