Our Perfect Wedding: Kwenzeka ntoni kule Cawa?

UTHANDO olucalanye lufumana ithuba lesibini kwisiqendu sale veki sika-Our Perfect Wedding (OPW). Ophaka iimbiza kwi-OPW, uThembisa Mdoda kule Cawa useSprings, kwimpuma yeRhawuti, nalapho eyokuzimasa umtshato kaSiyabulela Madikane kunye noNomava Mbanyaru.

Ngethuba uSiyabulela eqala ukubona intombazana enguNomava, wayazi kwangoko ukuba umfumene umntu anokumbiza inkosikazi. Kodwa ngelishwa oko wayekuva yedwa. UNomava ukhumbula kakuhle loo mini uSiyabulela ezibika kuye: “Wacela umtshato, kodwa ndasikhaba eso sicelo sakhe. Intliziyo yam yayisithi hayi,” utsho uNomava.

Kodwa noxa kunjalo, uSiyabulela zange aphose tawuli, nanjengoko siyazi bathi umzingisi akanashwa, ekugqibeleni uNomava wayinika ithuba le ndoda yayihleli imombelela ingom’ enye.

Ungaphoswa ke yi-Our Perfect Wedding kwiMzansi Magic kule Cawa (DStv Channel 161) nalapho esi sibini sizakube sitshintshiselana ngezibhambathiso phambi kwezihlobo nezalamane.

Le nkqubo iphindwa ngo-18:30 ngoLwesithathu nango-14:30 ngoMgqibelo.