Ovelisa umculo ufuna ukuphuhlisa abanye

USIBUSISO Majiza ufuna ukuphuhlisa abo banetalente emculweni kwaye agqithisele amava anawo kwabeza emva kwakhe.

Le nzalelwane yaseLitha, eQonce, ibincokolela eli phephandaba emva kokuthiwa jize ngembasa ekhethekileyo liSebe leMpuma Koloni kwezoBugcisa neNkcubeko kutshanje.

UMajiza yiprodyusa yomculo ezenzele igama ngokusebenza neemvumi eziliqela ezinjengoVeliswa Skeyi, Dumza Maswana, Nduduzo Makhathini, uNathi Mankayi nentaphane yezinye.

ISebe liwonge uMajiza njengonefuthe ekuphuhliseni umculo weMpuma Koloni [ Best Musical Individual].

“Eli wonga libubomi kum kuba kuyabonakala apho ndiya khona nomculo, kwaye eyona nto endifuna ukuyiphuhlisa zezinye iimvumi nabadlali bomculo abasakhulayo.

“IInto endizixelele yona kukuba onke amava endinawo apha emculweni ndizokuwadlulisela kwezinye iimvumi ezisakhulayo zakweli phondo,” kutsho uMajiza.

Eli sebe liwonge abo baphakamise iflegi yeli phondo emculweni, abadlali bakamabonakude, kwezemidlalo nakusasazo.

UMajiza uvelise amacwecwe weemvumi eziliqela esingabalula kuzo icwecwe likaNobathembu Mabeka, Ruth Mafu, Zipho Vena, Betusile Mcinga, Putuma Tiso noMali Soul.

“Kunyaka ophelileyo ndavelisa icwecwe leqela lalapha eMonti elibizwa ngokuba yiBuffalo City Praise Encounter. Ikhona ke neminye imisebenzi esele ndisebenze kuyo engekagqitywa eza kuphuma kulo nyaka nendingenakukwazi ukuyibalula okwangoku,” kudiza uMajiza okhe wangumdlali wombhoxo ngaphambili.

UMajiza uthi umdla wakhe emculweni waqala ngethuba utatomkhulu wakhe owayenguMfundisi nomsebenzi kwivenkile ethengisa ifenitshala ebuya nekeyboard ngenye imini.

“Ngaloo maxesha kwakungekabikho nombane kwilokishi esasihlala kuyo eLitha. Ndaye ndafunda kubakhuluwa bam ukudlala ikeyboard, kodwa ke yandım oyena mntu owabonakala enomdla kuyo.

“Ekukhuleni kwam ndiyidlale iminyaka emininzi enkozweni. Umhlobo wam, uMlungisi Mgqobhele, nguye owandifaka kweli cala lokuvelisa umculo, ndaze ndaphinda ndahlangana noGary Ndlovu, bebobabini badlale indima enkulu ekubeni ndibe ngumvelisi ophume izandla kwaye ndiyababulela kakhulu.”

UMajiza wenza uGrade 12 eRhawutini nekulapho adlale umbhoxo phantsi kweqela iAlberton Rugby Club. Uthi uyawuthanda kakhulu umdlalo wombhoxo.

Ukhe wasebenza njengomphononongi womculo kuMnyhadala wezoBugcisa eMakhanda. Ukholelwa ukuba iMpuma Koloni inetalente engumangaliso emculweni.

Uthi eli alifumeneyo liwonga lokuqala kwaye limnika amandla okusebenza nangakumbi.

Phambi kokuphela konyaka, uMajiza uceba ukubamba indibano yokuxhobisa nokubonisa iimvumi nabavelisi bomculo abasakhulayo ngeenjongo zokuphuhlisa izinga lomculo walapha ephondweni, kwaye uthi uza kumema nabanye abaphuma kwamanye amaphondo ababalaseleyo emculweni.