OwakuTsolo uthweswe isidanga somculo eLondon

ITYENDYANA lakuTsolo, uLulama Mgceleza, osandul’ ukuthweswa isidanga kwezoMculo (Music Performance) yiTrinity College yaseLondon, usendleleni esingise eItaly.

UMgceleza, 27, owayefudula ecula umculo weekwayala, ngoku yimvumi yohlobo lomculo owaziwa ngokuba yiOpera.

Esendleleni esingise eFlorance kwelo lizwe laseItaly nje, uyokufunxa khona ulwazi oluthe gabalala ngalo mculo weOpera.

Exelela I’solezwe lesiXhosa engawuvali umlomo, uthi eli licham elimfikela kanye umntu ebomini.

“Ndiyavuya, kunjalo nje ndiyazidla ngokusebenza nzima ukuze ndifikelele apho ndikhoyo ngoku,” kuphawula uMgceleza, okwathe ukufundela iOpera akuthethi kukhwela nje eqongeni.

“Kuninzi ubani ekufuneka ekwenzile kwaphambi kokuba abe uyaqala ukufunda la ngoma,” utshilo.

Nangona uMgceleza eqale eselula ukucula, uye wazibandakanya nomculo weekwayala eMonti ngo2012.

“Ndiqale ukubanothando emculweni ndisemncinci kakhulu, ndisacula ecaweni ekhaya kuTsolo. Kodwa ke ndithe ndakufunda eWSU eMonti ndazibandakanya nekwayala yaseMdantsane ekuthiwa yiSounds Delight Choral phantsi kweliso likaNomsa Mgwatyu.

“Ndithe ke ndakugqiba iDiploma yam eWSU ndahamba ndaya kuzama umsebenzi eGoli endaye ndafika kwaba nzima ukuba ndiwufumane, ” uMgceleza ubalisa ngohambo olumzise kwiOpera.

Uthi ividiyo awayifaka kuFacebook eyaphela ityhutyha ihlabathi lonke yamenza wanyathela okokuqala eKapa, apho wayeye kuculela uNjingalwazi Kamal Khan owayeyiNtloko kwiCandelo loMculo weOpera kwiYunivesithi yaseKapa.

“Andizange ndibe sagoduka ke emva kolo tyelelo, ndacetyiswa ukuba ndihlale ukuze ndifumane inkxaso kwinenekazi elihlala eMilan eItaly.

“Landixhasa [eli nenekazi] kwinto yonke, kwaye ngoku ndibe kanti ndikule ndawo kungenxa yenkxaso yalo,” kubalisa uMgceleza onesidanga seBusiness Administration awasiphumelela eWSU ngo2017.

Uthi ukutyelela eKapa kuko okumenze wabe unesi sidanga asifumene kule kholeji yaseLondon.

“Umhlohli wam kwezomculo eUCT, uHanna van Schalkwyk, wandicebisa ukuba ndifake isicelo seemvavanyo zeATCL eyenziwa eTrinity College, kodwa kuye kwafuneka ndiyenze ngobuxhakaxhaka bale mihla ngenxa yeCovid-19.”

“Kwafuneka ndenze ke loo vidiyo yemizuzu engama34 ndicula ngaphandle kokumane ndiphumla, ndaye ndalupasa olo vavanyo, ze ndabe ndifumana isiqinisekiso seDiploma,” kubalisa le mvumi.

Uncokole banzi ngokuqala kohambo lwakhe olusingise eItaly.

“Kwiminyaka emibini edlulileyo, lo mama undinceda ngezimali kwizifundo zam, wandimema kunye netitshalakazi yam le indifundisa ukucula ukuba simndwendwele eMilan, eItaly.

“Ndafika ke apho ndaba novavanyo kwiOpera House ekuthiwa yiLa Scala, ndandula ukubukela ezinye zeemvumi zeOpera ezaziwayo uL’elisir D’amore kunye noRigoletto, Verdi noDonizetti. Kwaye kwavela ithuba lokuba ndihambe ndiyokufunda apho kwelaseItaly,” kutsho uMgceleza.

Lo kaMgceleza kulindeleke abe uyahamba ngowe29 kule yoMsintsi.