UAkhanya Stawuti waseNdevana eQonce waziswe njengeKumkani yooMasipala boMzantsi Afrika kumsitho wokucondoba owaziwa njengoMr and Miss Municipalities of South Africa 2022/3.
Lo msitho ububanjelwe eRhawutini ngoMgqibelo wempelaveki ephelileyo, apho bekuhlangene iinzwana neenzwakazi eziphuma koomasipala ngoomasipala boMzantsi Afrika, belwela indawo yeKumkani neKumkanikazi yooMasipala.
Lo bingumsitho wesibini luqhuba olu khuphiswano..
“Ndandinomdla wokungenela kwakumsitho wabo wokuqala kodwa yangona ndifumana ithuba kulo wesibini,” kutsho uStawuti encokolela I’solezwe.
UStawuti, 22, uthi ukhuphiswano lokucondoba ayilelobuhle nje kuphela.
“Kodwa nokuzithemba ngokwaneleyo kundenze ndazixelela ukuba ndiza kuphumelela kuba ndinazo iimpawu zokuba yiKumkani.”
Uthi ebesilindele esi sithsaba kuba usisebenzele nzima.
UStawuti uthi usanqwenela ukubanguMr South Africa ngenye imini.
Lo mfundi wonyaka wokugqibela kwiMechanical Engeneering eWSU bengalimelanga yedwa eli phondo nanjengoko ebehamba noIsipho Madondile obefuna itayitile yeKumkanikazi.
UMadondile uphume kwindawo yesibini kolu khuphiswano.
“Endikufundileyo [kolu khuphiswano] kukuba kufuneka uzithande kwaye uzixabise ngokuba phandl’ apha kwakuhlala kukho abantu abafuna ukutyhafisa.
“Ebomini kufuneka uqhubeke uzama ngokuba impumelelo yethu ayifiki ngaxeshanye,” kutsho uStawuti, watsho ecaphula Ilizwi elisebhayibhileni kuIsaya 60:22.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’