Iphondo leMpuma Koloni liyaziwa ngokupheka italente ehamba yodwa, ingakumbi xa kuthethwa ngomculo.
Xa kuthethwa ngeShoelace, kuthethwa ngeqela lomculo wohlobo lwe-Indie Rock/ Kasi Rock eliphuma kwilokishi yaseMotherwell eBhayi.
Eli qela lifumene icham lokuveliselwa icwecwe lalo iSophomore ligqala lomvelisi womculo, uGabi Le Roux. UGabi waziwa ngokuvelisa ingoma kaMandoza ethi Nkalakatha. Olu shicilelo lwenzeka e-ECAVC Recording Studios, eMiriam Makeba eMonti.
Kaloku uNkalakatha wafumana ukwamkelwa ngabantu abaninzi, kuquka abantsundu nabamhlophe. Iqela iShoelace, kususela oko lakhupha icwecwe lalo lokuqala elithi People of The South 2014, bazuza amawonga ambalwa.
Eli qela, sele litsholoze kwiminyhadala efana neStandard Bank Joy of Jazz Festival, Moshito Music Festival, National Arts Festival, kwaye lakhe lamenyelwa kwi- Indian Ocean Music Market (IOMMA) 2015 eReunion Islands, ukubalula abambalwa. Iprojekthi yabo entsha iza nomculo wezandi ezintsha, neziquka umculo we-Rock kunye nezandi zesiXhosa.
UGabi Le Roux uphawule wathi, uchulumancile kukusebenza neli qela lolutsha lufele italente. Uthe ayiqhelekanga into yokuba iqela laselokishini licule umculo weRock.
Uthe uzakuqinisekisa ukuba iShoelace ayizukufana namanye amaqela omculo weRock, ebalula ukuqinisa kwizandi zase-Afrika ukuze yohluke kumaqela ekhuphisana nawo. “Kudala ndibona ukuba iMpuma Koloni ifele yitalente. Ninetalente, kwaye yazini lo nto. Ndifuna bacule kanye ngesiXhosa.”
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!