Owongwe liSebe lezobuGcisa akanantsiba zokuya eMakhanda

OSANDUL’ ukuwongwa ngembasa liSebe lezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uMandilakhe Lufundo neqela lomdlalo weqonga awuvelisileyo, bafumana ubunzima ukufikelela kuMnyhadala wezoBugcisa kaZwelonke oseMakhanda.

ULufundo uphumele elubala ngentsokolo abajamelene nayo yokuswela indawo yokuhlala, isithuthi sokubasa kulo mnyhadala, imali yokubhatala iholo kuquka neyokutya.

Umdlalo wabo weqonga othi Tears of the Creatives, ubalisa ibali ngokuxhaphazeka kwabalingisi bemidlalo yeqonga emakhaya, ekuhlaleni nakubaphathiswa.

Ucele eluntwini, edomboza, nanjengoko sele uza kuqala lo mnyhadala ekukekeleni kwale nyanga.

Lo mnyhadala uhlelelwe umhla wama23 kweyeSilimela ukuya kowesithathu kweyeKhala 2022. Uza kuqhuba okokuqala esidlangalaleni kususela oko kwavalwa ilizwe ngenxa yekhorona.

“Ukuba kuyenzeka naloo mali umntu angakwazi uyifaka ukuze noko sithenge umbane, isepha nezinto zokuthambisa nokutya okwalo mzuzu,” kucela uLufundo.

ULufundo, 30, uzalelwe eMdantsane, apho athe wakhulela khona.

Uthi uqale ukuthanda imidlalo yeqonga ngethuba umabonakude esabukelwa nge50c, apho babesithi bakugqiba balinganise konke obe kusenzeka kuloo mboniso bhanyabhanya bebewubukele.

Isakhono sakhe sokudlala sixhonkxwe ukuqala ngo2013 nguMichael Lubisi owayengumphathi weLubikha Theatre neBuffalo City Theatre.

“Waye wakhuphela amava wakhe kuthi silulutsha lwalapha eMdantsane, ndabe ndiyaqala ukungena kweli candelo kwibakala labahlawulwayo, besihamba sikhwela kumaqonga amakhulu,” kubalisa uLufundo.

ULufundo ulingise kwiminyhadala efana neMakana Festival, Free State Festival, Joburg Museum Africa, Tembisa Theatre, Durban Wushwini Nanda, Nelson Mandela Bay Theatre Complex, iGuild Theatre neAlexander Theatre.

ULufundo ukhe wadlala nakwiifilim ezifana noKiss of Justice kwi-etv, iKnuckle City, Be My Friend, Ibhiliti neKasi Live.

Eminye imidlalo athe wathatha inkxaxheba kuyo iveliswe yiMontywood yeKumkani Pictures nalapho adlale iindima eziphambili kuloo midlalo efana neCheckmate, Eyamadoda Ayipheli, The Hit, Gwadana neXhosa Nostra Series ukubalula kwintaphane yemidlalo emininzi ekuquka kuyo iBisho Massacre.

ULufundo ucinga ukuba iwonga alinikwe liSebe lezeMidlalo, uBugcisa neNkcubeko ulifumene ngenxa yemisebenzi yakhe.

“Ndicinga ukuba babone umsebenzi wam baqonda ndifanele ukufumana eli wonga, kumnandi kakhulu kum xa uqala ukunikwa inkxaso nothando kwalapha ekhayeni, emveni kwemizamo emingaka endiyizamileyo ebomi bam,” kutsho uLufundo.

Uthi ukulingisa zange akufundele kwizikolo zodidi oluphezulu, kodwa wancedwa ngabantu abanjengoTata Micheal Lubisi, uSisa Abel Mhlophe, Unathi Dyubula, Xolani Makwedini, uThulani Welcome, Ntomboxolo Fayo, uMonde Ngonyama, uXolani Jahmil Qhubeka noRoundy Nini.

“Ndiyabathanda abantu kwaye ndiyathanda nokubalisa amabali wabantu abangakwazi ukubalisa ngeemeko zabo, kwaye ndiyathanda nokuhleka.”

Ethetha ngokuvelisa kwabo lo mdlalo othi Tears of the Creatives.

“Siqonde masivele nalo mba kuba sicinga noko kungakho utshintsho xa sinoyivelela ngolu hlobo, ngokuba abaninzi esiqale nabo nesifike bekhona abasekho, abanye babhubhile ngelixa abanye bephangela kwiindawo ekungemnandanga kuzo.

“Lo mdlalo uza kuvuselela ithemba kwaye uza kuqinisekisa ngokubuyiswa kwesidima samagcisa alapha ephondweni, ubhalwe nguSiyanda Futshane, umqondisi wawo nguSisa Abel Mhlophe waze waqulunqwa nguMandilakhe Lufundo.”

Abafuna ukufaka isandla ukuze lo mdlalo ufikelele eMakhanda bangaqhagamshelana noLufundo kwa: 072 6244 080, yona iakhawunti yebhanka: 1357692100.