OwoZalo uzakhele umzi othi yena!

ODLALA kumdlalo kamabonakude, Uzalo, uWiseman Mncube, akakwazi ukuwuvala umlomo likhaya lakhe elitsha.

Kumakhasi onxibelelwano ngoMvulo, uMncube uqhayise ngemifanekiso emibini, ebonisa ngalo bhazabhaza wendlu yakhe entsha.

UMncube, 32, inzalelwane yaseUlundi KwaZulu-Natal, udlala indawo kaSibonelo Mhlongo kulo mdlalo oboniswa rhoqo phakathi evekini kwiSABC 1.

Lo mdlali okwaziwa nakumdlalo othi EHostela, uxelele I’solezwe lesiXhosa bucala ukuba ixhanti lakwakhe liseVryheid.

“Ndisafunda utata wayehlala endikhumbuza ukuba le ndlu ndihlala kuyo kukwakhe, kwakuze kufike ixesha athi ‘ndoda you have over stayed your time in my house [liphelile ixesha lakho kwam],’ kubhala uMncube.

Uthi utata wakhe wayemane emkhumbuza ukuba esahlala kwakhe nje uya kuhlala ebizwa njengoWiseman, hayi njengoMncube.

“Ndakubizwa uMncube mhla ndanomzi wam,” kubhala lo mdlali kamabonakude owaphumelela imbasa yeSAFTA.

Uthi utata wakhe wayedla ngokuthi uya kuziqhenya mhla ebona oonyana bakhe bobahlanu besandisa ikhaya lakwaMncube ngokwakha imizi nokuzala abantwana.

“Oku ndandihlala ndikufake entliziyweni yam, kwaye ndilapha ke namhlanje nangona ndingekagqibi nje, kodwa ndisaya phambili,” kutsho uMncube ongutata kubantwana ababini.

Abantakwabo ababini, uNtando Mncube (Ifalakhe, Durban Gen) noOmega Mncube (Phelelani kuZalo) bakwangabadlali kumabonakude.

Kufuneka ufumane indawo ngaphakathi kuwe apho kungekho nto ingenakwenzeka. Xa unephupha, kufuneka ulibambe kwaye ungaze uliphuncule, ” kutsho uMncube.

Ukanti noNtando Duma obedlala njengoMpho Sebata kwiThe Queen, uqhayise ngendlu yakhe kanokutsho kumakhasi onxibelelwano.