Phakama Thaphushe, nank’ uPhando nembasa!

UKUZIMISELA emsebenzini nokufuna ukwenza umsebenzi oncomekayo, kuko okubangele ukuba intatheli engumfoti yeAfrican News Agency kwinkampani i-Independent Media, uPhandulwazi Jikelo, ibuye nembasa kumawonga akutshanje eStandard Bank Sivukile Awards.

UJikelo, owaziwa ngabaninzi njengoPhando, ebekhuphisana nentatheli yeDie Burger kwakunye neyeRapport kwibakala leentatheli ezifotayo.

IStandard Bank Sivukile Awards ngumsitho othi uwonge iintatheli eMzantsi Afrika rhoqo ngonyaka.

Kuye kukhwetywe amajelo eendaba kunye neentatheli ukuze zifake imisebenzi yazo kolu khuphiswano.

Lishumi elinesine lamacandelo iintatheli ezibhalayo nezifotayo eziye zikhuphisane kuwo.

Abagwebi baye bachonge umsebenzi ogqwesileyo kuleyo ingenileyo.

Le mbasa yeyeshumi kwezo le ntatheli sele iziphumelele kususela oko yaqala ukusebenza njengentatheli efotayo.

Ineembasa ezintandathu ezifumene kwiVodacom Journalist of the Year, zintathu kwiStandard Bank Sivukile Awards kwakunye nawayiphumelela kwelaseRussia ebizwa ngokuba yiAndrei Stenin International Press Competition.

UJikelo, 36, inzalelwane yelali yaseThaphushe eQonce, iphumelele ngomfanekiso kaSiya Kolisi kula mawonga.

Uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba ibingelula le mpumelelo.

“Abantu bendikhuphisana nabo kweli candelo bebenomsebenzi omhle kakhulu okwizinga eliphezulu, kodwa ndaphumelela, leyo yenza uncumo olungapheliyo kum,” uJikelo ebalisa.

“Mna ke ndiye ndangenela ngemifanekiso yezemidlalo, ndifaka umfanekiso kaSiya Kolisi nodlalela iqela lombhoxo apha eKapa nelaziwa njengeStormers. UKolisi wabonakalisa isakhono sakhe xa babedlala neCrusaders eNewlands, apho wathi waphuma phakathi kwamadoda amahlanu eli qela, amanye ephantsi eyokubeka iTry, yonke ke le nto ndayifumana ngale khamera yam.

“Akululanga ke ukufota imidlalo kuba ifuna iliso elibukhali nokuwazi umdlalo lo [uwufotayo] kwanesixhobo esi usisebenzisayo,” kutsho uJikelo.

Uthi ukufumana zonke ezi mbasa kwenziwa kukuzimisela emsebenzini wakhe.

“Imifanekiso kufuneka xa ijongwa ngumntu ichaze ngqo le nto ibisenzeka. Umntu ofuna iphepha kufuneka ibali alibone kwimifanekiso ngokupheleleyo angabinamathandabuzo, lo nto ke yenzeka xa uzinikele kwaye uyithanda into oyenzayo. Akululanga ukufota, kodwa ukuba ngaba uzimisele uye uzibone iziphumo ezihle.”

UJikelo uthe akuphumelela ibanga lesine (Grade 6) eTildin Primary eQonce, waze wayokugqibezela ibanga likaGrade 7 eKapa.

Kulapho enze khona amabanga aphakamileyo de wayokungena eCape Peninsula University of Technology (CPUT), apho enze khona izifundo zokuthabatha imifanekiso (Photography).

Uthi ukufota ukufundele kule yunivesithi.

“Ndizazi ndisesesikolweni ukuba ndifuna ukuba yintatheli. Kunyaka wam wokugqibela esikolweni wawubhekiselele kwicala leendaba. Ndazixelela ndiyaya nakanjani emaphepheni.

“ Ndiye ndayokuqeqeshelwa ukufota eIndependent Media ngexesha ndisesesikolweni, ndifotela iCape Times, iCape Argus neWeekend Argus.

Emva kokuphumelela unyaka wokugqibela esikolweni ndiye ndabuyela khona ndiyokungxungxa ixesha elingangonyaka. Ndaze ke ndabizwa eDaily Voice kwelinye lamaphepha alapha ekhaya, apho ke ndiphangele iminyaka emine. Ngo2015 ndiye ndaqeshwa liphepha lesiXhosa, I’solezwe lesiXhosa eMonti, ungekapheli unyaka ndilapho, ndaphinda ndafumana umsebenzi eKapa kwiCape Times,” uJikelo uncokola ngamava wakhe omsebenzi.

Lo mfoti uthi kubalulekile ngamaxesha onke ukuba uzilungiselele xa usemsebenzini.

“Ke mna bali nabali endiya kulo ndizixelela ukuba yimini yokuqala kwam emsebenzini omtsha, ngoko ke kufuneka ndizimisele. Umsebenzi awufuni uwuqhele kuba neziphumo ziza kubanjalo, ziza kuba ngathi zezomntu ongakhathaliyo.

“ Kuyanyanzeleka uzame ukuzimisela ngamaxesha onke. Yonke ke le nto ndiyenza kuba ndiyiphila le nto ndiyenzayo, andiyenzi kuba ndinyanzelwe ngumsebenzi. Yeyona nto indenza ndivuke ndinomdla wokuya emsebenzini ngentliziyo ekhululekileyo,” kuncokola uJikelo.

Uthi uwuthanda umsebenzi wakhe kuba ecinga ngabantu asebenza ngabo kwanasebenza nabo.

“ Ndiye ndivuye kakhulu xa ndibona utshintsho kwindawo nabantu endithe ndenza ibali ngabo. Abantu andibafoti nje kuba ndithunyiwe, kodwa iziphumo ezihle emva kokuba sipapashe ibali, yeyona nto ibangela ndiwuthande lo msebenzi,” kutsho le ntatheli.

Ekhuthaza abo basajonge ukungena kulo msebenzi awenzayo.

“ Kwiintatheli ezisentsha ndingathi kumnandi ukuba ngumfoti, udibana nabantu abaninzi, ungene kwiindawo ongakhange uzicinge nezinqwenelwa ngabantu abaninzi. Kuyo yonke ke lo nto ayithethi ukuba iphelela apho, ukuzimisela, ukuzinikela nokuwuhlonipha lo msebenzi, kwenza ubomi bube lula kwaye uphumelele.

“Siye silibale apho siphuma khona nendlela esifikelele ngayo kwezi ndawo xa izinto zisihambela kakuhle, lo umsebenzi awufuni lo nto. Ufuna umntu okhutheleyo nosoloko efuna ulwazi, efuna ukufunda into entsha ngamaxesha onke. Wonke umntu uyakwazi ukuphakamisa ikhamera acofe, kodwa ukwenza umfanekiso kufuneka usebenze ngesiphiwo onaso nosiqeqeshelweyo,” uvale ngaloo mazwi uJikelo.