Phela-phela ngoThembeka kwiScandal!

WAZIWA kakhulu ngendima yakhe engcolileyo kaThembeka Shezi-Nyathi kumdlalo we-e.tv iScandal!

UMasasa Mbangeni odlala le ndima ithandwayo necatshukelwayo ngabaninzi kulo mdlalo, wothuse uninzi lwababukeli beScandal! ngeendaba zokubeka phantsi kwakhe njengomnye wegqiza lalo mdlalo.

Kuvakala ukuba uMbangeni ushiya lo mdlalo ukuze agxile kwimidlalo yeqonga neminye imisebenzi.

UMbangeni, nozibandakanye nalo mdlalo kwiminyaka emihlanu eyadlulayo, uzakubonakala de ibeyinyanga kaMeyi.

Kodwa ngokutsho komququzeleli wopapasho kwiScandal!

UMichael Pocock, njengoShakira (Dawn Matthews), indima kaThembeka kulo mdlalo soze ibulawe.

“UThembeka uyakuhlala ehleli kwilizwe leScandal, ababukeli bangaphinda babuye bambone kwakhona kwixa elizayo,’’ ucacise watsho uPocock.

“UMasasa uzakube efezekisa amanye amathuba kwiqonga lemiboniso kwakunye nemiboniso bhanya-bhanya. Simnqwenelela konke okuhle.”

Ngonyaka ka2015, uMbangeni uphumelele iwonga le-South African Film And Television Award (SAFTA) ngenxa yohlobo ayizoba ngayo indima yakhe kwiScandal!.

KwiScandal! , uThembeka usezingxakini ezinzima emva kokuba umyeni wakhe uQuinton (Brighton Ngoma) ekhethe ukukruquka nokoneliseka ziindlela zenkosikazi yakhe ezimbi.

Ababukeli balo mdlalo abakazikholelwa iindaba zokushenxa kukaThembeka kwiScandal!

Bambi besithi lo mdlalo awuyonto ngaphandle kwakhe.

simphiwe.freddie@inl.co.za