NgoMvulo – 13 eyoMdumba 2017
PJ Powers
Ondwendwela uAnele kwiThree Talk namhlanje – ngulowo othanda umculo nelizwe loMzantsi Afrika. Ubomi bakhe batshintsha ngonyaka ka1992 ngethuba egaleleka eSoweto. Kaloku kwiqonga lomculo kula lokishi wafumana igama lokuba nguThandeka, elifumana kubalandeli bakhe.
NgoLwesibini – 14 eyoMdumba 2017
Unozikhalazo werhafu.
Lixesha lerhafu kwakhona, mhlawumbi uyazibuza ukuba irhafu nokubuyiselwa irhafu kusebenza njani…okanye ukhalaza kubani xa unesikhalazo sokungaphatheki kakuhle kwaSARS, yithi ntshoo kwinkqubo yanamhlanje.
NgoLwesithathu – 15 eyoMdumba 2017
Mango Groove
IMango Groove ineminyaka engaphaya kwamashumi amathathu kwaye isandul’ ukukhupha icwecwe layo elitsha. Namhlanje sibona amalungu wayo awayisungulayo kunye ne-bassist uJohn Leyden noClaire Johnston.
NgoLwesine – 16 kweyoMdumba 2017
Akin Omotoso
UOmotoso ongumdlali weqonga, umbhali, umlawuli kwakunye nomqulunqi uncokola noAnele ngobomi bakhe kwakunye nesakhono sakhe.
NgoLwesihlanu 17 kweyoMdumba 2017
Criselda Dudumashe
U-Anele uncokola nomsasazi kanomathotholo nomabonakude, umkhuthazi, umcebisi, owayesakuba ngumongikazi uChriselda Kananda- Dudumashe.
Uzakusibalisela nangokuba litshantliziyo likagawulayo. Ukwabhale incwadi ethi, You are not alone.
Izimvo zabafundi ngokuyalwa komtshakazi