SA’s Got Talent: Waphuma uTats, wangena uTol !

XA i-SA’s Got Talent ibuya kulo nyaka izakube ibuya ngaphandle kombhexeshi wayo oqhelekileyo uTats Nkonzo, nobhexeshe iisizini zone zale nkqubo, kususela oko yafuduka ukusuka kwiSABC 2 ukuya kwi- e.tv ngo2012.

Abejelo i-e.tv, babhengeze ukuba uNkonzo akasayi kuba yinxalenye yale nkqubo nanjengoko uTol A$$ Mo ezakube engena endaweni yakhe. UMongezi ‘Mo’ Mahlangu uzakubhexesha isizini yesixhenxe yale nkqubo. Kwingxelo ekhutshiweyo kuthiwa, “uTats uzakube ejongene namanye amathuba anento yokwenza neqonga lokuqhula”.

Akucaci nokuba uTats uzimkele okanye eli jelo limkhuphe ngokwalo kusini na. Ephawula ngokungena kwakhe kulo msebenzi, uTol uthethe wenjenje: “Kukufezeka kwephupha. I-SA’s Got Talent yinkqubo eyaziwa jikelele kwaye kuliwonga ukuqhuba le nkqubo ngentsini, ulonwabo kunye nodlamko,” utshilo kwingxelo ekhutshiweyo.

“Kuluchulumanco ukusebenza neejaji ze-SA’s Got Talent, ingakumbi italente esizakuyibona.”