UTHEMBINKOSI Emmanuel Thwala, nowaziwa njengendima yakhe kaMondli Mdlalose kumdlalo oqhubayo kwiSABC 1 -uZalo, uthi ngamanye amaxesha uye angakholelwa ukuba udlala neengqanga ezifana noo-Mlangeni Nawa kunye nooLeleti Khumalo.
UThwala, 29, uthi ukulinganisa kumaqonga emiboniso, kudala iliphupha kuye.
Lo mdlali oyinzalelwane yakummandla wakwaHlathini, eyiHlabathini phakathi koMnambithi neDundee eKZN, ebencokola neli phephandaba izolo.
“Ukudlala ecaleni kwabantu abafana nooTat’ uMlangeni Nawa (odlala uDhlomo kuZalo) kuliwonga. Uthi uNawa nguye oman’ ukumphakela kuvimba wakhe wamava. “UTat’uMlangeni uman’ ukundicebisa ngeemeko zeli qonga sikulo, kwaye akaphelelanga ukundicebisa ngekhono, kodwa ekwandicebisa nangobomi gabalala,” utshilo.
UThwala, akube ephumelele amabanga aphakamileyo eSigweje, wayokufundela isidanga se-Retail Business Management kwiYunivesithi yaseRhawutini. Uthi uthando lwakhe lokudlala iqonga lalingaphelanga.
“Abazali baye bafune wenze into yabo kuba eyokulinganisa kwimiboniso, ibiyenye yezinto.”
UThwala uzichaza njengozithuleleyo kodwa nomntu obathandayo abantu nokuhleka. Uthi yena wohlukile kuMondli amdlala kumabonakude, nanjengoko uMondli engumntu ongaqhelisiyo nohlala ezenza umntu omdala.
Kodwa uthi kuninzi akufunde kwindima ayidlalayo, nanjengoko imfundise okuninzi ngomsebenzi owenziwa ngamapolisa.
Lo tata kubantwana ababini, uyakuvuma ukuba ngumntu ongaqheleki lula kubantu abangamaziyo.
Uthi angathanda ukudlala kwimidlalo emininzi, imiboniso kunye nemidlalo yeqonga. Uthi angathanda ukudlala kwimidlalo efana neSibaya kwixesha elizayo. Sele ethe tshe kwimidlalo efana ne-Generations noRockville 2 ngokunjalo nakwiintengiso eziliqela.
Obungakwazi ngoThwala: “Ndiyakwazi ukuzoba, ukubumba izinto zomdongwe nokwenza imixhentso yesintu.”
Ungadibana naye kuFacebook: Thembinkosi Thwala Facebook Page: Thembinkosi Mondli Thwala Okanye ubukele umdlalo Uzalo kuSABC 1, rhoqo ngoMvulo ukuya ngoLwesithathu ngo-20h30.
IPirates iza kudlalela ukuyibetha iSundowns, utsho uJose Riveiro