Selifikile ixesha le-Rehoboth eMambozana !

Bantu baseBhayi neziphaluka, lifikile ixesha lokunqula nokuzukisa uThixo ngentshumayelo nengoma.

UNomonde Vakalisa uza nekhonsathi yegospile entsha kraca eBhayi ebizwa iRehoboth Gospel Concert.

Le khonsathi iyodwa iqhayisa ngeqonga elizakudyusha iimvumi eziphambili zegospile eziquka uVeliswa Skeyi, Bethusile Mcinga, Bulelani Koyo, Jumbo, Andile B, Glory of the Last Days, uPhindile weJoyous Celebration 20, uLutsha Yolelo, uNozipho, uDumisani, uNikki, uPhumla nabanye.

Encokola neli phephandaba, uVakalisa ongumsunguli wale khonsathi uthi, kudala enengcamango yokuyenza into- nayo esoyika.

“Kudala ndifuna ukuqala olu hlobo lwekhonsathi nto nayo ndisoyika. Bendijonga amanye amatheko xa engabiyiyo le nto ibilindelwe nam ndoyike,” utsho.

UVakalisa ongumbhexeshi weenkqubo zegospile kuquka inkqubo yeMvuselelo kuMhlobo Wenene fm. US’mondz, nagama ateketiswa ngalo ngabaphulaphuli bakhe, wabelana nathi ngeenjongo zokusungula le khonsathi yegospile.

“UThixo nguThixo osandisela umda, nguThixo ofuna singajongi ngemva kodwa siqhubeke sijonge phambili. “ Abantu balwa iimfazwe ezifanele ukuliwa nguThixo, ngoko ke eli lixesha lokujonga izinto ezintsha kubomi bethu,” utsho uVakalisa.

“Eyona njongo yam kukumanyanisa iimvumi zeli phondo leMpuma Koloni. Ewe, zidumile, zinamagama aziwayo, kodwa akukho ukukhula,” uvakalise watsho uVakalisa.

UVakalisa usandul’ ukubuya kukhenketho lwakhe kumazwe amathandathu aquka iNetherlands, German, Switzerland, Italy kunye ne-France. Uthi akukho lizwe lifana noMzantsi Afrika kula mazwe.

“Eyona nto ndiyibonileyo ayabethwa la mazwe nguMzantsi Afrika ngobubele, nangokuziva wamkelekile. Kuninzi okufumaneka kweli lizwe lethu, sinemoyezulu entle, okubi lulwaphulo-mthetho nje kuphela,” utsho.

Qiniseka ukuba uzikhangelela itikiti lakho ngoku eShoprite, eCheckers naseSavemore nge-R100 kuphela. UThandile Skeyi noLungi Menze bazakube bengababhexeshi kulo msitho.

Khumbula: Amatikiti awafumaneki emnyango.

Umcimbi uzakubanjelwa eNangoza Jebe Hall (eyayisaziwa njengeCentenary Hall) ngomhla we-11 kuJune 2016 ngentsimbi yokuqala emva kwemini.