Sijonga unyaka emva kokubuya kweGenerations

Ngunyaka ngoku kususela oko kwabuya iGenerations njenge ‘The Legacy’ emva kokunqumama ixesha elithile.

Lo mdlalo wakhutshwa emoyeni ekuzeni kuphela konyaka ophelileyo emva kwengxokolo phakathi kwabadlali balo mdlalo kunye nenkampani evelisa lo mdlalo. Wabuya ngomhla wokuqala kuDisemba ka2014.Kwezi nyanga zilishumi elinesibini kuvuselelwe lo mdlalo weGenerations, sele sibone ezininzi ezothusayo,ezonwabisayo kunye nezo zisishiya sinyembezana.

Phakathi kwezinye izinto, sibone abadlali abaninzi balo mdlalo besishiya, bambi befika.

Kule veki, umdlali obedlala indima kaSimphiwe (Asanda Foji) simbone esothusa abaninzi emva kokuthabatha ubomi bakhe njengendlela yokufulathela lo mdlalo uthandwa kakhulu.

Bekhe kwakho neendaba zokuba omnye wabadlali abathandwa kakhulu uVuyo Dabula (Gadaffi) uyawufulathela lo mdlalo.

UDabula ungene kwiGenerations kunyaka ophelileyo, njengomnye wabo batsha, kususela ukungena kwakhe ebehlala ephakathi kwiingxoxo zekhontraka yengqesho.

Emva koko kwadula iingxelo ezithi kuyaphela ngoGadaffi, kwaphinda kwakho ezithi akayindawo.

Kodwa nangona abanye abangavuselelwanga izivumelwano bengabonakali ndawo, uGadaffi usezakuvela inyanga yonke. Ithini na le nto?