UThandiswa Mazwai usazingomb’ isifuba nje ngemvumikazi eyindumasi, nethandwayo kumakhaya amaninzi ngenxa yelizwi nesingqi esisodwa somculo. UMazwai wagqobhozela kwiqonga lomculo ngokuthi azimanye neqela lomculo we-Kwaito iJack-knife.
Yaba sisiqalo esinempumelelo kule nzwakazi. Kwibali ebeliphakwa yi-Sowetan ngalo mlonjikazi lihambisa lithi, nangona icwecwe lakhe lokugqibela lakhutshwa ngo-2011, liqulethe uncuthu lweengoma ezifana no-Ibhokhwe kunye no-Zabalaza nezisashukumisa uluntu kwiindawo zeendibano kuMzantsi Afrika jikelele.
Emva kweminyaka yokuzuza iimbasa nokutsholoza kumaqonga wehlabathi jikelele, udumo kunye nothando lwabalandeli bakhe alimothusi lo mlonjikazi okwangu mqambi nobefudula elilungu eliphambili lwe-Bongo Maffin. Nangona kunjalo, uMazwai uthi impumelelo ayiphathelwe kukuvuma kwakhe isamkhwankqisa kunanamhla oku.
“Ndandihlala ndisazi ukuba bakhona abantu abacula ngcono kunam, zange ithi qatha eyokuba ndingafikelela kweli nqanaba,” utshilo uMazwai ngohambo lomculo wakhe. “Okona ndandikuqaphela kokokuba kukhona okuzakwenzeka eluntwini xa ndicula, abantu bandiqaphela ngakumbi xa ndicula,” utshilo.
Italente yakhe yaqatshelwa ngumsunguli weKalawa Jazzme, uDon Laka owachukunyiswa kukuvuma kwakhe ngethuba lokhuphiswano lomculo lwe-Shell Road to Fame. Waye wasiwa kuStoan Seate, uSpeedy no-Jahseed, sithathu eso sasidinga owasetyhini ukugcwalisa iqela labo leBongo Maffin.
Isigqibo sakhe sokuzimela yedwa sophula iintliziyo ezininzi zabalandeli bakhe, kodwa uMazwai wayekholelwa ukuba elo yayilixesha lokuzenzela into efunwa nguye.
ElaseTopiya lihamba phambili ngeenkomo eAfrika