Singalindela ntoni kumdlalo omtsha – iThe Queen, nekudlala kuwo uConnie Ferguson,Sello Maake kaNcube, Shona Ferguson, Sthembiso “SK” Khoza, Natasha Thahane, Mara Louw, Themba Ndaba, Mbali Nkosi, Dineo Moeketsi, Loyiso MacDonald, Zenzo Ngqobe, Zandile Msutwana no- Slindile Nodangala.
Lo mdlalo uqala ngomhla wokuqala kweyeThupha (01.08.2016) kwiMzansi Magic.
Isiqendu 1: Mvulo, 01 kweyeThupha
Umthombo wobutyebi kaMzi uyadizwa, kwaye akukho kuhle. Umtshato kaKea ujika uba sisithwakumbe yakube loo mini iba yimpalalo-gazi.
Isiqendu 2: Lwesibini, 02 kweyeThupha
UShaka nosapho lwakhe bajamelene nokufa. UKgosi uzama iindlela zokuthomalalisa uHarriet. UMogapi uyabuya kwaye uAmo noBoi bachulumancile kukubuya kwakhe.
Isiqendu 3: Lwesithathu, 03 kweyeThupha.
UJerry uqinisekile ukuba umbulali ungaphakathi kwaKhoza. Ubudlelwane phakathi kotata nonyana abubuhle.
Isiqendu 4: Lwesine, 04 kweyeThupha
Umngcwabo ujike wanguqulukubhode phakathi kukaZodwa noHarriet.
UKagiso uphandlwa bubuso begqiyazana elise lula kwaye ulithande ngokuphazama kweliso.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile