U-Andile uya kunomathotholo

Odume koomabonakude njengomsasazi * -Andile Ncube uzibandakanye nesikhululo sikanomathotholo iRadio 2000 njengomsasazi wezemidlalo.

UNcube ungena ezihlangwini zika-Victor Khasu kwinkqubo ethi Game On, nesasazwa phakathi kwentsimbi yesithandathu neyesixhenxe malanga phakathi evekini.

Okhonyayo kwiinkqubo ze-Radio 2000 uSiyanda Fikelephi uzingqinile iindaba zokuba ngokwenene uNcube okwangumbhexeshi wenkqubo yezemidlalo uLaduma kuSABC 1 uqale ukusasaza le nkqubo ekuqaleni kuka-Julayi.

UFikelephi uthethe wathi :“Siqashe * -Andile kuba besikhangela oyena mntu unamava ezemidlalo kunye neqonga losasazo. U-Andile ube ngoyena mntu.”

Ukwathi uKhasu akagxothwanga, koko wenziwe umdidiyeli ophezulu.

Kunyaka ophelileyo, uNcube wayesasaza inkqubo ebizwa X-Factor South Africa.

Ukanti ukwagushe amava okusasaza kwizikhululo ezifana noo-5 FM, iBreakfast Show kwi-Tru FM, nenkqubo ye-SABC 1 yomculo uLive.