U-Atandwa Kani ukukhuphile obekungaphakathi kuye!

U-ATANDWA Kani, uthethe ngokwenzeka phakathi kwakhe nalowo ebefudula eyinkosikazi yakhe, uThembisa Mdoda.

UAtandwa, ngunyana kaJohn Kani. Kule mbalelwano ayihlohle kwikhasi lonxibelelwano iFacebook, ukubeke kwacaca ukuba, le mbalelwano yeyokukhupha iinkcukacha ezinyanisekileyo ngeziganeko ezenzeka phakathi kwabo.

Ubudlelwane besi sibini neengxabano ezingqonge bona ibesele iyinto exhaphakileyo kumaphephandaba angeCawe.

Ukuphuma kweendaba zokuba uAtandwa ayingoyise wamawele kaThembisa, kulandelwe kukutshintshiselana ngamazwi arhabaxa phakathi kwakhe, uThembisa, uAnele ongudade boThembisa kunye noFikile Mthwalo oyinkosikazi entsha kaAtandwa kwiqonga likaTwitter. Kule ngxelo ibhaliweyo, uAtandwa uthi yena noThembisa bahlangana ngo2004 kwiYunivesithi yaseWits.

Babanobudlelwane obungudanya-cimi iminyaka eliqela. Oku kwakhokelela ekubeni bohlukane. Ngo2011 baphinda bahlangana.

“Kanye emva koko, wandixelela ukuba ukhulelwe. Impendulo yam kwangoko yacela ukuba senze uhlolo lwegazi, oluzakuqinisekisa ukuba ndingutata wabantwana kwisinina xa bezelwe, kuba wayethandana nenye indoda ngelo xesha.”

UKani uthi, isicelo sakhe sahlangatyezwa yimfazwe. Uthi ekucingeleni ukuba ungutata, wagqiba kwelokwenza okufanelekileyo, axhase kwaye abekhona ecaleni kukaThembisa ngexa ekhulelwe.

“Ndandiyiphakamisa indaba yohlolo lwegazi maxa onke, kodwa yamkelwe ngobubi, de ngamanye amaxesha ndigrogriswe ukuba soze ndibabone abantwana abo ukuba ndiyaqhubekeka nesi senyanzeliso,” ucacise watsho uAtandwa.

Uthi emva kokuzalwa kwabantwana abangamawele ngo2012, uthi yena noThembisa basebenzisana njengabazali, baqhubekeka nobudlelwane babo.

Ubalisa athi, ngo2014 kwadula iingxelo zokuba uThembisa uyakrexeza, kwaye bathi abeendaba bakufumana eli bali, wabagrogrisa ngokubasa emthethweni “ngelikhusela abantwana babo kunye negama losapho lwakhe.” UAtandwa uthi waqhubekeka nokufihla amanyundululu kaThembisa, nanjengoko ngo2015 kwathi ndii izityholo zokuba uThembisa wakhupha isisu somntwana wala ndoda wayebonana nayo.

“Ndakhetha ukubushiya ubudlelwane bethu. Wayendiqhwaba amatyeli ngamatyeli, kwaye endithuka esithi andiphindi ndibabone abantwana kwakhona.” “Kanye emva koko, waxelela amaphepha ukuba uyaxhatshazwa, ndimshiye nabantwana.” UAtandwa, uthi uThembisa wamalela ukuba abone abantwana iinyanga ngeenyanga, nto leyo yamnyanzelisa ukuba belusapho bafune uncedo lwezomthetho.

Uthi ngoNovemba ka2015, uThembisa wade wanqwala ukuba benze uhlolo legazi labantwana. “Ndawaqokelela amagazi kwaLancet Laboratories ngoDisemba ka2015, nabuya esithi andinguye nakancinane uyise wabantwana.”

UAtandwa uthi, kwathi kwakuduma oku, uThembisa wakuphika, wathi ezi ngxelo zegazi azichanekanga.

Uthi oku wayekuthetha kumajelo eendaba, hayi kulo ndawo bebesenza kuyo uhlolo olo. UAtandwa uthi udiza oku ngeenjongo zokucacisa amarhe ajikeleze oku aze aqhubekeke nobomi bakhe.

Ingaba uzakuphendula bethu uThembisa koku? Yena udade wabo ingaba uzakummela nakwesi sihlandlo? Singasemoyeni!