U-Aya ngumsasazi omtsha we-OPW

Wamkelwe ngezandla ezishushu * -Ayanda Mpama ngabalandeli bakhe bamaqonga ezonxibelelwano emva kokuba isikhulo sosasazo lukabonakude i-Dstv ivakalise ukuba uthabatha iintambo kuTumi Morake obebhexesha inkqubo i-Our Perfect Wedding edlala ku-Mzansi Magic rhoqo ngokuhlwa ngeCawa ngentsimbi yesixhenxe.

Inxalenye yabalandeli bakhe kuTwitter ichwetheze yenjenje:

UDaddy Musa: simnqwenelela okuhle kodwa, yenye yeenkqubo eziphala phambili ngeCawa…..ndimjonge ngamehlo abomvu.

UClive Mathibe: Ndiyavuyisana nawe mhlobo wam @ayampama ngokuba ngumbhexeshi omtsha we#OurPerfectWedding!

UZiyanda Yako: Xa uYesu esithi ewe….akukho mntu unokuthi hayi!!! Ndiyavuyisana nawe @ayampama emsebenzini wakho omtsha njengombhexeshi.

Kulindeleke ukuba * -Ayanda aqale ukubonakala njengombhexeshi we-Our Perfect Wedding ngeCawa ezayo, umhla wesihlanu kuJulayi.

Asinkqubo yakhe yokuqala le * -Ayanda Mpama eyibhexesha njengoko sekhe wabhexesha inkqubo eyayisakudlala kuSABC -2 ethi Soul Sundays, eyayidlala uncuthu lomculo womngqungqo.

Ehlomla ngokuzuza eli wonga lokubhexesha le nkqubo uthe: “I-OPW (Our Perfect Wedding) yinkqubo ephala phambili eyenze ukuba uMzansi ayithande. Ndiyaluthanda ‘uthando’ kwaye ukuba yinxalenye yemveliso yale nkqubo kuthetha ukuba rhoqo ngeempelaveki ndiza kudibana nabantu abathandanayo abahlukileyo besuka kwiindawo ezahlukileyo, kwaye ndibazi ngcono nto leyo indichulumancisayo. Ikwathetha ukuba rhoqo ngeeCawa ndiza kunxibelelana nenkitha yababukeli. Liphupha lakhe nawuphi na umbhexeshi ukufikelela kuninzi lwabantu ngaxesha linye.”

U-My Perfect Wedding kungokunje ukwisizini yesihlanu, kwaye wayebhexeshwa nguPhumeza Mdabe (isizini yesithathu), uBrenda Ngxoli (isizini yesibini), kunye noThuli Tabethe (isizini yokuqala), ngamnye kwaba babhexeshi wayenesimbo sakhe esisodwa sokuyibhexesha.

Isiqendu ngasinye sazisa ababukeli kwisibini esithandanayo esingejileyo, siboniswe sisenza amalungiselelo aso okugqibela ngaphambi komhla waso omkhulu womtshato.

Njengoko izinto zisenzeka ekhusini ukusukela kumathekwana okunqwenelela okuhle esi sibini, kuquka nokuphuzana kwaso okungundabamlonyeni, le nkqubo ibonisa uhambo lokwenene lwabemi boMzantsi Afrika abaqhelekileyo njengoko bebumba umtshato wabo ogqibeleleyo.