U-DJ Mobi Dixon utyikitye neSony

Inkampani yokushicilela umculo ehamba phambili iSony Music Entertainment Africa ibhengeze ukuba imthathela ngakuyo umakhwekhwetha ka-DJ uMobi Dixon.

Iindaba zokutyikitywa kwalo DJ, ozenzele udumo ngeengoma esingabala kuzo iCity Rains neLove Colour Spin, ziqinisekiswe kwiveki ephelileyo, logama icwecwe lakhe azakulikhupha kulo nyaka lizakuphuma phantsi kwale nkampani iSony.

UMobi Dixon, ozalelwe kwisixeko saseMonti, ungena kule nkampani emva kweendaba zokuba aba bakwaSony sele bephulukene neemvumi ezifana noToya Delazy kwakunye no-iFani. UMobi Dixon uthi uchulumancile kukuzibandakanya kwakhe neSony.

“Ndiyakuvuyela kakhulu ukuqala oluhambo lwam olutsha endithemba ukuba luzothatha umculo wam luwubeke kwelinye izinga, ndihamba neSony neHouse Afrika.

“IHouse Afrika ibihleli isentliziyweni yam futhi sekuphele iminyaka engaphezulu kweshumi bevelisa umculo ondenze ndaba ngumvelisi weHouse namhlanje.” utshilo.