U-iFani usincokolela ngebali likaFebruary

FEBRUARY – inyanga yesibini yonyaka, inyanga evuselel’ ubuhlungu kwimvumi yeHip Hop eMzantsi Afrika * -iFani.

UMzondeleli Mzayifani Boltina, nodume ngelika iFani kubalandeli bakhe, uchukumisa abaninzi xa ekhwele eqongeni ecula ingoma ethi ‘’February’’.

Encokolela I’solezwe lesiXhosa ngale ngoma, uIfani uthi wachukunyiswa linxeba elingapholiyo ukuze abhale le ngoma.

“Inyanga kaFebruary yinyanga ekufanele ukuba ndichulumancile ngayo, yinyanga endandilindele ngayo umntwana wam.”

U-iFani uthi emva kokuphulukana neso sipho wayesilinde ngabomvu, wahlala ithuba elide engaxolanga kwaye onzakele. “Ndazama ukungena kwinkqubo yentuthuzelo ngokwase mphefumlweni (counselling), ndahlala ithuba elide ndicinga ukuba ndingcono.”

U-iFani uthi lowo wayencuma naye ngelo xesha, nowayephethe umntwana wakhe, wagqiba kwelokuba akazokuqhubekeka emgcinile umntwana lowo.

“Ukushiywa kwam nguMamThembu kwavuselela nelo nxeba ndandicinga ukuba liphelile,” utsho * -iFani. Le ngoma iyafumaneka kwiminatha yokuthenga umculo efana no-iTunes, kwaye ikhona nakwicwecwe lakhe elibizwa 2nd Quadrant.

Le mvumi esele izenzele igama ngokuthengisa amacwecwe amaninzi ngexeshana elifutshane, ithi iziva ingomnye umntu.

Kaloku ngoku utshintshe imbonakalo yakhe yesiqu kuquka isinxibo. “Nditshintshe ngaphakathi nangaphandle, andinguye ngoku la Ifani abantu abaninzi bebemazi ngesa sinxibo.”

Le mvumi ithi ifumene oyena mntu inguye emva kokuphulukana nobuyena ngexesha ezifake ngamandla emculweni.

“Ndasuka kubunjineli ndaya emculweni kuba ndifuna ukuzazi, ndazibona ukuba ndiyawuthanda umculo,” kutsho * -iFani, oqhuba nesicwangciso sokwenza iPHD.