U-iFani uthe ntshoo amehlo kwiikwayara

OMNYE wababhexeshi kukhuphiswano lweekwayara zamaphondo ahlukeneyo iClash of the Choirs ezakuqala ngeCawe kuMzansi Magic, uthi ukubakhona kwakhe kolu khuphiswano kuzakutsala abantu abaninzi.

Oku kuthethwe yimvumi eyinzalelwane kweli phondo * -iFani obhexesha ikwayara yaseNtshona Koloni kolu khuphiswano, nolukwisigaba sesithathu (Season 3).

U-iFani uzakube ekhuphisana neekwayara zeemvumi ezifana noSfiso Ncwane (Free State), Kelly Khumalo (Gauteng), Busiswa Gqulu (KwaZulu-Natal), Penny Penny (Limpopo), JR (Mpumalanga) noBucie Nqwiliso (Mpuma Koloni).

Ikwayara ezakuphumelela kolu khuphiswano, oluthe gqolo ukuphunyelelwa yiKZN, uzakuvuzwa ngesigidi seerandi (R1m), apho ikota (R250 000) izakuthi inikezelwe kubantu abahlelelekileyo.

Iijaji zolu khuphiswa nguRebecca Malope, Anele Mdoda noZwai Bala, ze inkqubo ibhexeshwe nguLawrence Maleka ongene endaweni kaBonang Matheba ongumsasazi weMetro FM.

“Abantu kufuneka balindele nantoni, kuba ndingumuntu ongenamava ekuculeni kuba ndiya-repha.

Kodwa ke sisifundo esi, kuba siyabonisa ukuba ubani angenza nokuba yintoni xa ezimisele,” utshilo * -iFani.

Ukwathe iClash of the Choirs yeyona nto ayijonge ngamehlo abomvu kulo nyaka. “Ndizakuphinde ndikhuphe iingoma ezimbini ezintsha mhlawumbi ndibone ukuba kuhamba ngoluphi uhlobo kumabonakude. Ndifuna ukugxila ekuphuhliseni umculo kaLex LaFroy oyirepha elinina phantsi kwenkampanini yam iDis Guiz,” utsho.