UAmaza uzithandel’ amaz’ omoya

YIMINYAKA engama24 ngoku umsasazi woMhlobo Wenene FM, uAmaza Ntshanga esemva komboko, kodwa wakumbuza ukuba ngesenza ntoni ukuba bengasasazi, impendulo yakhe ithi “ngendime emnyango kwezi zikhululo zosasazo ndinkqonkqoza”.

Waqala ukusasaza kwiCampus Radio ngo1997, ze ngeyoMnga (December) ka1998, wabe uqeshwa yiCKI FM esele yajika ngoku yaba yiTruFM.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uthi ucinga ukuba okwamfaka kusasazo kukuva indlela abasasazi ababesasaza ngayo.

“Iintsuku endizikhumbulayo yiminyaka yokuqala eHigh School, apho ndandilala ndivuke ngonomathotholo. Ndicinga ndandiqhutywa kukuva indlela abasasazi ababethetha ngayo noqhagamshelwano [lwabo] nabantu,” kutsho uAmaza.

UAmaza, owafundela usasazo lukanomathotholo eBoston Media College, wenza uMasigoduke emva kwemini kuMhlobo Wenene FM. Uthi uziva ethamsanqelekile ukwenza into ayithandayo nayiphilayo.

“Ndingomnye wabo basikelelekileyo ukwenza uphinde uphile ngento oyithandayo, ukubanethuba lokwenza umntu azive ngcono ngobomi bakhe, nokumkhupha okwexeshana kwiingxaki zakhe – yeyona nto indivuyisayo ngosasazo,” kutsho lo msasazi.

UAmaza usasazela kwistudiyo soMhlobo Wenene esiseSABC eAuckland Park eRhawutini. Ukhumbula indlela awayesoyika ngayo ngethuba eqala ukusasaza eSABC ngaloo Disemba ka1998.

“Uvalo yayingathi luphuma ngomlomo, kodwa kwimizuzwana ndiqhuba inkqubo kwaye kwaba ngcono ngenxa yeminxeba eyayivela kubaphulaphuli.”

UAmaza wazalelwa kwilali yaKwaGubevu eQonce. Ngumntwana wesibini kubantwana abasixhenxe.

Uthi ukhuliswa ngamanina, into ebangela ukuba amanina abenendawo ekhethekileyo entliziyweni yakhe.

“Ndichithe iintsuku ezininzi ekukhuleni [ndihlala] nomakhulu kwakunye nabantakwethu, ngokuba umzali kwanyanzeleka abe kude ngenxa yempangelo.

“Sikhuliswa ngoomama abaluqilima nabawubekayo umthetho, oomama abanenkxaso emangalisayo. Singabafana abaninzi apha endlini.

Sikhuliswa okukuqala ngendlela yokuba mhloniphe umntu nokuba ungubani. Besibaninzi, oko kusifundise ukukwazi ukungajongi nje isiqu sakho, ujonge nabanye,” kuncokola uAmaza, okwayiVoice Over Artist, uMphathi wamaTheko neDJ.

Ebuzwa ngendlela aye azive ngayo xa esiva abasasazi abasakhulayo abavakala njengaye kunomathotholo.

“Kumnandi ukwazi ukuba umsebenzi wakho unefuthe ebantwini. Ndiyayibulela kakhulu ukuba abantu bayithande into endiyenzayo. Ndiyathemba ukuba ngenye imini umntu uya kuzifumana naye ngokuba abantu abamdingi omnye uAmaza,” kutsho uAmaza owaphumelela imbasa yomsasazi ogqwesileyo kwiSA Radio Awards.

UAmaza uthi Umhlobo Wenene uwuthandela ukuba uliqonga eligcina likwaphuhlisa ulwimi lwesiXhosa.

Kwesi sikhululo wenze iinkqubo zangempelaveki kwakunye noSijikilanga.

Ngamanye amaxesha uthi uye amamele izikhululo zeendaba nezabantu abatsha kuba engafuni kushiyeka kwimicimbi yabantu abatsha.

UAmaza ngutata kumawele asemancinane, uthi akuthandayo ngokuba ngutata abantwana baguqula indlela abubona ngayo ubomi.

Ukwaqhayisele abaphulaphuli nabalandeli bakhe ngenkqubo yakhe kamabonakude ezayo, nathi ingqamene nenkqubo ayenza kunomathotholo.

Ucebise abo bazifuna kusasazo lukanomathotholo ngelithi “phambi kokuba ufune ukungena kunomathotholo, zibuze ukuba leliphi eli galelo ufuna ukulenza kweli qonga.”

Phulaphula uMasigoduke kuMhlobo Wenene rhoqo ngoMvulo ukuya ngoLwesihlanu ngentsimbi yesithathu ukuya kweyesithandathu emva kwemini.

Okanye uncokole noAmaza kuTwitter noInstagram ku: @NdinguAmaza okanye kuFacebook : Daddio on Ur Radio.