UAzzy ubona umculo njengotshintsha ubomi

IPHUPHA likaAzzy
kukutshintsha ubomi boluntu ngomculo wakhe nanjengoko ekholelwa ukuba umculo
unamandla wokugqithisa umyalezo.

UAzz, ogama
lokuzalwa inguAzola Matayitayi, yimvumi yomculo weHip-Hop.

Ukukhulela kusapho
oluthanda umculo kudlale indima enkulu ekubeni uAzzy azibone naye elandela eli
khondo.

 

“Iphupha lam
kukutshintsha iimpilo ngomculo kuba ndiyalibona igalelo onalo eluntwini,” uAzzy
encokolela I’solezwe lesiXhosa.

 

“Ngoku ndizama
ukukhupha oko kungcono ngaphakathi kum ukuze abantu bafumane okungcono.

Andifuni nto
ingako, ndifuna nje ukuviwa, andifuni kuba yindumasi. Uye uviwe emva kokuba
uboniwe,” kutsho uAzzy.

 

Le nzalelwane
yaseMdantsane iqale ukubhala umculo ngo2007 kodwa waqala ukusicilela
nokutsholoza emaqongeni ngo2010.

 

Ingoma awathi
waduma ngayo ithi “Ixesha” ayenze noBlaksuga. Ukanti kutshanje usandul’
ukukhupha ukracaza wengoma ethi Sacrifices eye yadlalwa kakhulu koonomathotholo
abafana noMhlobo Wenene FM ne-trufm.

 

“Ixesha yingoma
endayenza emva kokuphumelela ukhuphiswano lwe-5fm.

Le ngoma ithi
yonke into inexesha layo. Umntu kufanele enze kangangoko anako, okukufaneleyo
kuza kuza kuwe,” kubalisa uAzzy.

 

“Iyomeleza kuba kwiindawo
esikhulela kuzo kunzima ukomelezwa qha uye udibane nabantu abakukhombisa
iimpazamo zakho.

 

UAzzy uthi yona  ingoma ethi “Sacrifices” ihamba nomyalezo
onzulu. Uthi ibalisa ngokushiywa kwakhe yinqwelontaka eyayiza kufezekisa
amaphupha akhe.

 

Uthi
wayesendleleni eya kukhuphiswano lweVodacom Next Level apho weyehleli khona
kwiTop 20 .

 

“Ndandiza kuba
kwiTop 5 kodwa yandishiya inqwelontaka. Kodwa ke andinakuvumela lo nto
indophule umoya. Yonke into inesizathu sayo, okwam kukuyisebenzisa ukuze
indenze umntu ongcono,” kutsho uAzzy.

 

Kungoku nje uAzzy
wenza iprojekthi yakhe elandelayo athi iza kuphuma msinyane.

 

Iingoma zakhe
zifumaneka kwiivenkile zonxibelelwano lomnatha.

Ungancokola naye
kumakhasi onxibelelwano ku @Azzy_EC.