UBhodl’ingqaka uzakube ephilisa isizwe ngombongo othi, ‘Phila Mzi Wakuthi’

Abathandi bezobuGcisa kwakunye neNkcubeko bazakube benenyhweba kwidolophu yaseRhini yokuba yinxalenye yeIngqaka Communications xa izakube ibambe umsitho wokushicilela ingoma ka-Akhona ‘Bhodl’ingqaka’ Mafani ethi ‘Phila Mzi Wakuthi’ ngoMgqibelo, eAmazwi South African Museum of Literature.

UBhodl’ingqaka ongumbhali, imbongi nokwalithandazwe, uthi lo mbongo wakhe uthi, ‘Phila Mzi Wakuthi’ wawenza ngexesha likabhubhane ngonyaka ka2020 apho iintsapho ezininzi zathi zaphulukana namalungu awo, amanye amakhaya ashiyeka evaliwe kwamanye iintsana zashiyeka zizintloko kumakhaya azo. Uthi ngokwenza lo mbongo wayenika onke la maxhoba ithemba.

“Lo mbongo yabaligalelo lam ndibhalela isizwe sam ngelinge lokuthuthuzela kwanokukhumbuza imvelaphi ndisithi phila mzi wakuthi. Ngalo mbongo ndandikwakhumbuza nangamabakala esidlule kuwo sisisizwe esintsundu esingabalula kuwo ingcinezelo, nokuthatyathelwa ilizwe lethu njengoko kukuninzi esaphulukana nako kodwa inzondelelo yethu yayisoloko ikukuphila.

“Ndathi ndabhala lo mbongo uthi ‘Phila Mzi Wakuthi’ wenza udumo kakhulu kwaye nakumaqonga amaninzi ndiwenzile,” utshilo uBhondl’ingqaka Mafani.

Uqhube wathi lo mbongo wakhe ukwapapashwe kwimbali kaGqirhalwazi uSiphiwo Mahala.

Uthi kwangaloo mini uzakube ekwakhumbula ugxa wabo omkhulu owayekwezobuGcisa kula mmandla ongasekhoyo, uSiphelo ‘Nqontsonqa’ Dyongman, nanjengoko esithi uhambe naye kakhulu le ndlela esaphila kwaye iliphupha labo eli futhi ewuthanda kakhulu nalo mbongo uthi ‘Phila Mzi Wakuthi.’

Abalindelekileyo ngolu suku nabazakube bethabatha inxaxheba nguMzi SA waseKomani, uDongadala Bemdiliza noLonwabo Xatasi kaGqeberha: The Empire.

Kulo msitho eAmazwi kukwalindeleke neqonga lengxoxo evulelekileyo ezakuba ikhokelwa nguSikhumbuzo Makandula weYunivesithi iRhodes eRhini.

Amatikiti ayafumaneka kuBhodl’ingqaka ngeR70, emnyango ngolu suku yiR100.