UBlackSpade uza kuhlonipha amaXhosa ngomculo

IINYEMBEZI, ingoma esandul’ ukukhutshwa nguBlackSpade ekunye noTeeTee, ibalisa ngeenyembezi ezibangelwe yintlungu yasemphefumlweni, ilahleko kwaneenyembezi eziqhutywa luvuyo.

UTeeTee udume ngengoma ethandwayo ethi ‘Relationship’.

Le ngoma, ephume kwinyanga kaDisemba, sele ifumaneka kuzo zonke iivenkile zeintanethi kwaye idlalwa kumabonakude nakoonomathotholo abaliqela.

Le yenye yeengoma ezimnandi zomjuxuzo ezenziwa nguDJ BlackSpade.

Ebalisela I’solezwe lesiXhosa ngale ngoma, uDJ BlackSpade uthi yenziwe kanye ngethuba esiva kabuhlungu ngenxa yokushiywa ngumama wakhe, kwaye nalowo ulilizwi kule ngoma uTeeTee ngaxeshanye eshiywe ngowakhe umama.

“Ikwayingoma ebalisa ngeenyembezi zovuyo kodwa nezo zokubandezeleka,” kubalisa uDJ BlackSpade.

UBlackSpade, onkaba ikwilali yakuDoti eDutywa, ogama lakhe lokuzalwa inguSabelo Gaqazele, ikwanguye owaxuba kamnandi ingoma kaElaine ethi You’re The One.

Le DJ, 37, yaqala ukubonisa umdla emculweni iseneminyaka elishumi elinesihlanu.

“Ngethuba ndineminyaka elishumi elinesixhenxe ndisenza iMatriki eIdutywa School of Excellence – ndaye ndathengelwa izixhobo zomculo (sound system) ngumninisikolo,” kubalisa uBlackSpade.

Ngenxa yothando lomculo, uDJ BlackSpade waye wangena kwisikolo sokufunda banzi ngomculo iGallo Music Production, kodwa waphinda waphuma engagqibanga apho ngenxa yeemeko zokuswela imali.

UDJ BlackSpade, waziwa nanjengomnini wendawo yentselo nomjuxuzo iBlackspade Club eyayiseQuigney eMonti.

UDJ BlackSpade udize ukuba ukususela ngoku ukuya phambili uza kugxila kwiingoma eziqaqambisa ulwimi lwesiXhosa.

Usebenze neeDJ eziliqela ezaziwayo kumaqonga ohlukeneyo.

“Ndifuna ukugxila kwiingoma zesiXhosa, ndibonge iziduko namaqhawe akwaXhosa afana noMandela, ooBiko, ooHani nafana nomam’ uNoxolo Grootboom,” kudiza uDJ BlackSpade.

Ukanti sibhala nje, uBlackSpade umatasatasa neDa Hustler Album Tour nalapho azisa ngecwecwe lakhe elitsha iDa Hustler kwiindawo ezohlukeneyo.

Kweli cwecwe kukho iingoma ezifana noEmonti kwakunye nethi Abalele. Kwezi ngoma usebenze noNombila, uTeeTee kwakunye noSlogan.

Ukanti ingoma yakhe entsha ethi Iimpendulo, nathi ithetha nomsebenzi wezinyanya, kulindeleke iphume ekuzeni kuphela konyaka.

UBlackSpade, osele ezinze eRhawutini emva kokucelwa nguJub-Jub ukuba ayokusebenza naye, ukhuthaze abatsha abanomdla wokungena emculweni ngelithi baye esikolweni.

“Mabaye esikolweni, bafumane iziqinisekiso nakwezinye izakhono. Umntu makawenze umculo njengento ayithandayo esazi ukuba asiyi kubeka isonka etafileni ngawo sonke.”

UBlackSpade uthi uzibona enguDJ Black Coffee wangomso, enyathela amazwe ngamazwe.

Umculo wakhe uyafumaneka kuzo zonke iivenkile zeintanethi, kungenjalo uthumele imbalelwano kumakhasi akhe onxibelelwano @Blackspade.