UBonang, uPearl noLunga kwiqonga lee-SAMAs!

UBONANG Matheba, uPearl Modiadie kunye noLunga Shabalala, ngabo abazakube bekuphathela okwenzeka kwi-red carpet yamawonga wama-22 weeSAMAs.

Olu sasazo lwe-red carpet, kuqala belingazokuboniswa kumabonakude, nanjengoko belizakusasazwa kumnatha we-SAMA App.

Amawonga wama-22 weSouth African Music Awards (SAMA) azakube ebanjelwe eThekwini kulo mgqibelo sijonge kuwo (4 kweyeSilimela). Nanjengoko owona msitho wokunikezela ngala mawonga uzakuqala ngentsimbi yesibhozo, loo nto ithetha ukuba uzakuqala ngecala emva kweyesixhenxe ngosasazo lwe-red carpet.

UMinnie Dlamini kunye no-Katlego Maboe, bazakube besiphathela usasazo lwe-red carpet lwe-E! Entertainment, nekulindeleke luboniswe ngoLwesibini (7 kweyeSilimela) kwinkqubo ebizwa Beyond the Red Carpet. Kwakhona, usaziwayo uSomizi Mhlongo ekunye nomdlali kamabonakude uThando Thabethe, bazakube beqhuba lo msitho. UKhanyi Mbau noPhat Joe bona kulindeleke bancokole nabaphumeleleyo kwi-Amstel Green Room.