WAPHUMA kwiphondo leMpuma Koloni ezixelele ukuba uyokwenza izifundo zeDrama eRhawutini, kodwa uBongeziwe Mabandla waveza elinye icala lakhe ebelingagqamanga.
UMabandla, nowazalelwa kwidolophana yakuTsolo, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba, ukufika kwakhe eRhawutini ngonyaka ka2004 wayefuna ukufezekisa amaphupha amabini.
“Ukufika kwam apha eRhawutini nandizokufuna ukudlala kwimiboniso nasekuculeni, ndangena kwisikolo seDrama i-AFDA, ndaze ndathi ukuthwala kwam isidanga ndashicilela iDemo yam yomculo,” utshilo.
“Ndandifuna ukuba ngumlinganisi kwimiboniso, kodwa ndandingaqinisekanga ncam kweli cala lokuba yimvumi. Abanye bakumazi uMabandla ngendinyana yakhe ka-Andy kwiGenerations, nalapho wayesebenza nabadlali abafana noConnie Ferguson, Menzi Ngubane, Sophie Ndaba, Leleti Khumalo nabanye.
“Ndandisese-AFDA ngethuba ndifumana indinyana yokudlala uAndy kwiGenerations, ndandingumntu oneentloni kakhulu phambi kokungena kula mdlalo, kodwa ndakube ndiqatshelwe ngabantu abaninzi, oku kwandomeleza,” utshilo uMabandla. Le mvumi, nesele ikhaya lalo lizinze eMonti ngoku, ithi yasebenzisa imali eyayiyamkela kwiGenerations ukushicilela iDemo. UMabandla ufunde kwizikolo zaseMonti eziquka iGeorge Randall neSelbourne kunye naseLady Gray. Simbuza ngohlobo lomculo wakhe, uBongeziwe uthe: “Umculo endiwuculayo uluhlobo lweSoul, obalisa ngendlela ubani aziva ngayo, uthando kunye namazwi achukumisa intliziyo.”
Uthi ukhule ejonge kwiimvumi ezifana noTracy Chapman, Bob Marley, Lauren Hill, India Arie, Bongo Maffin, Jabu Khanyile, Oliver Mtukudzi ukubala abambalwa. Ngo2012, uBongeziwe ukhuphe icwecwe lakhe lokuqala elithi ‘Umlilo’ nelineengoma ezifana ne- Isizathu, Gunuza, Phupha lam nezinye. Sithetha nje, umatasa-tasa ebila esoma phezu kwecwecwe lakhe elitsha. UMabandla, nokwangumzobi, utsholoze kumazwe afana ne-Australia, Japan, Canada kule minyaka imbalwa idlulileyo. Ephawula ngoku: “Abantu bala mazwe bayaxhasa kakhulu, nokuba abaluva ulwimi, bahlala phantsi bakuphulaphule.”
Ethetha ngokucula ngolwimi lwesiXhosa uthe, “Xa ubhala uze ucule ngolwimi lwesiXhosa- uyakwazi ukuzikhupha kakuhle iimvakalelo zakho, isiXhosa sitsho sikuzobe kakhuhle oko ukuthethayo kunaxa uzivakalisa ngolwimi lwesiNgesi,” utshilo. ‘
UMabandla uzakube etsholoza kwiqonga laseMiriam Makeba EC AVC ngeCawa ( 01 kuCanzibe/ Meyi 2016), nalapho kulindeleke apheleke abantu abafana no-Msaki kunye no-Umle. Uvakalise ukuba usafuna abantu bafunde banzi ngaye nomculo wakhe.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!